Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 10

Isifundisa Ntoni IBhayibhile Ngeengelosi Needemon

Isifundisa Ntoni IBhayibhile Ngeengelosi Needemon

1. Kutheni kufuneka sifunde ngeengelosi?

UYEHOVA ufuna siyazi intsapho yakhe. Neengelosi ziyintsapho yakhe. EBhayibhileni kuthiwa ‘ngoonyana bakaThixo.’ (Yobhi 38:7) Yintoni umsebenzi wazo? Zabanceda njani abantu kudala? Zinokusinceda njani thina ngoku?—Funda iSihlomelo 8.

2. Zivela phi iingelosi? Kwadalwa iingelosi ezingaphi?

2 Kufuneka sizazi ukuba zivela phi iingelosi. EyabaseKolose 1:16 isixelela ukuba emva kokuba uYehova edale uYesu, kwadalwa “zonke ezinye izinto ezisezulwini nasemhlabeni.” Neengelosi ke zadalwa ngoko. Zingaphi iingelosi ezadalwayo? IBhayibhile ithi kukho iimiliyoni ezininzi zeengelosi.—INdumiso 103:20; ISityhilelo 5:11.

3. UYobhi 38:4-7 usixelela ntoni ngeengelosi?

3 IBhayibhile isifundisa nokuba uYehova wadala iingelosi ngaphambi kokuba adale umhlaba. Zathini xa zabona umhlaba? Incwadi kaYobhi ithi zavuya kakhulu. Zaziyintsapho esondeleleneyo nekhonza kunye uYehova.—Yobhi 38:4-7.

IINGELOSI ZINCEDA ABANTU BAKATHIXO

4. Sazi njani ukuba iingelosi zifuna ukunceda abantu?

4 Iingelosi kudala zaba nomdla ebantwini nakwinto eyayifunwa nguYehova xa wayedala umhlaba nabantu. (IMizekeliso 8:30, 31; 1 Petros 1:11, 12) Zimele ukuba zakhathazeka xa uAdam noEva bajikela uYehova. Inoba zikhathazeka kakhulu ke ngoku xa zibona ukuba abantu abaninzi abamthobeli uYehova. Kodwa zivuya kakhulu xa umntu eguquka aze abuyele kuThixo. (Luka 15:10) Iingelosi zifuna ukubanceda nyhani abantu abakhonza uThixo. UYehova usebenzisa iingelosi ukuze ancede aze akhusele abantu abamkhonzayo emhlabeni. (Hebhere 1:7, 14) Makhe sijonge eminye imizekelo yale nto.

“UThixo wam uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama.”​—Daniyeli 6:22

5. Iingelosi zabanceda njani abantu bakaThixo kudala?

5 UYehova wathumela iingelosi ezimbini ukuba zincede uLote nentsapho yakhe ukuba basinde xa wayeza kutshabalalisa iSodom neGomora. (Genesis 19:15, 16) Kumakhulu eminyaka emva koko, umprofeti uDaniyeli waphoswa emngxunyeni weengonyama, kodwa zange zimenze nto kuba ‘uThixo wathumela ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama.’ (Daniyeli 6:22) Naxa umpostile uPetros wayesejele, uYehova wathumela ingelosi, yamkhupha. (IZenzo 12:6-11) Iingelosi zamnceda noYesu xa wayesemhlabeni. Ngokomzekelo, emva kokuba ebhaptiziwe, “iingelosi zazimnceda.” (Marko 1:13) Ngaphambi nje kokuba abulawe, ingelosi “yamomeleza.”​—Luka 22:43.

6. (a) Sazi njani ukuba iingelosi zinceda abantu bakaThixo namhlanje? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

6 Namhlanje, iingelosi azisabonakali ebantwini. Kodwa uThixo usasebenzisa zona xa enceda abantu bakhe. IBhayibhile ithi: “Ingelosi kaYehova ikhusela abo bamoyikayo, ize ibasindise.” (INdumiso 34:7) Kutheni sidinga ukukhuselwa? Kuba sineentshaba ezinamandla ezifuna ukusenzakalisa. Zingoobani? Zivela phi? Zizama njani ukusenzakalisa? Ukuze siphendule le mibuzo, masive ukuba kwenzeka ntoni emva nje kokuba kudalwe uAdam noEva.

IINTSHABA ZETHU EZINGABONAKALIYO

7. Ubaqhathe kangakanani abantu uSathana?

7 Sifundile kwiSahluko 3 ukuba enye ingelosi yajikela uThixo yaza yafuna ukulawula abantu. IBhayibhile ithi loo ngelosi nguSathana uMtyholi. (ISityhilelo 12:9) USathana wayefuna nabantu bajikele uThixo. Wamqhatha uEva, waza emva koko waqhatha abantu abaninzi. Kodwa bakhona abantu abahlala bethembekile kuYehova, njengoAbheli, uEnoki noNowa.​—Hebhere 11:4, 5, 7.

8. (a) Ezinye iingelosi zaba zizo njani iidemon? (b) Zenza njani ukuze zisinde kwizantyalantyala zemvula?

8 Ngexesha likaNowa ezinye iingelosi zavukela uYehova zaza zalishiya ikhaya lazo elisezulwini zeza emhlabeni. Ngoba? IBhayibhile ithi zazifuna abafazi. (Funda iGenesis 6:2.) Kodwa iingelosi zazingamele zibe nabafazi. (Yuda 6) Njengezo ngelosi zikhohlakeleyo, abantu abaninzi benza izinto ezimbi baza bathanda ukulwa. Ngenxa yaloo nto, uYehova wazisa izantyalantyala zemvula ukuze atshabalalise abantu abenza izinto ezimbi. Kodwa wabasindisa abantu bakhe abathembekileyo. (Genesis 7:17, 23) Ukuze zisinde, ezi ngelosi zikhohlakeleyo zabuyela ezulwini. IBhayibhile ithi ezo ngelosi zikhohlakeleyo ziidemon. Zakhetha icala likaSathana, waza uMtyholi waba ngumlawuli wazo.​—Mateyu 9:34.

9. (a) Kwenzeka ntoni xa iingelosi zabuyela ezulwini? (b) Siza kuthetha ngantoni ngoku?

9 Ngenxa yokuba zazimjikele, uYehova zange aphinde azamkele kwintsapho yakhe. (2 Petros 2:4) Iidemon azisakwazi ukuzitshintsha zizenze abantu, kodwa ‘zisalahlekisa umhlaba wonke.’ (ISityhilelo 12:9; 1 Yohane 5:19) Makhe sive ukuba zibaqhatha njani abantu abaninzi kangaka.​—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 2:11.

IIDEMON ZIBAQHATHA NJANI ABANTU?

10. Iidemon zibaqhatha njani abantu?

10 Iidemon zibaqhatha ngeendlela ezininzi abantu. Xa abantu bethetha nabantu abaswelekileyo mhlawumbi bencedwa ligqirha okanye ngumntu ochaza izinto kwangaphambili, bathetha needemon. Kodwa iBhayibhile ithi makungabikho nto isidibanisa needemon. (Galati 5:19-21) Ngoba? Kaloku njengokuba umntu ozingelayo esebenzisa into yokubambisa izilwanyana xa ezingela, needemon zenza loo nto ukuze zilawule abantu.​—Funda iSihlomelo 26.

11. Yintoni ukuvumisa, ibe kutheni kufuneka sikuphephe?

11 Enye yeendlela iidemon ezibaqhatha ngazo abantu kukuvumisa. Ukuvumisa kukusebenzisa amandla eedemon ukuze umntu azi into eza kwenzeka. Ngokomzekelo, umntu usenokuzama ukuya kumntu ovumisayo xa eswelekelwe, egula, ebelwe izinto zakhe okanye etyholwa ngokuthakatha. Abantu abaninzi bacinga ukuba ezi zinto aziyongozi, kodwa ziyingozi kakhulu. Ngokomzekelo, iBhayibhile ibonisa ukuba iidemon zisebenzisana nabantu abachaza izinto ezingekenzeki. KwiZenzo 16:16-18, sifunda ‘ngedemon yokuvumisa’ eyanceda intombazana ‘yachaza izinto ezingekenzeki.’ Emva kokuba uPawulos eyikhuphile le demon, le ntombazana zange iphinde ikwazi ukuchaza izinto eziseza kwenzeka.

12. (a) Kutheni kuyingozi ukuzama ukuthetha nabantu abaswelekileyo? (b) Kutheni abakhonzi bakaThixo bengawenzi amasiko eedemon?

12 Ikhona nenye indlela esetyenziswa ziidemon ukuze ziqhathe abantu. Zizama ukusenza sikholelwe ukuba sinokuthetha nabantu abaswelekileyo kuba kukho indawo abasaphila kuyo, ibe banokuthetha nathi, basincede okanye basenzakalise. Ngokomzekelo, umntu oswelekelwe ngumhlobo okanye ngumntu wakowabo unokuya egqirheni elithi linokuthetha nabantu abaswelekileyo. (1 Samuweli 28:3-19) Amasiko amaninzi awenziwa xa kuswelekiwe enziwa kuba abantu bekholelwa ukuba kukho indawo abaphila kuyo abantu abaswelekileyo. La masiko isenokuba kukukha umhlaba ngesandla uze uwugalele ebhokisini xa kungcwatywa, utyhilo litye, ukuxhelela umntu oswelekileyo, umlindo, nokubuyisa umphefumlo womntu oswelekileyo. Xa amaKristu engafuni ukwenza la masiko, iintsapho zawo okanye abantu basekuhlaleni basenokubagxeka, babathuke okanye bangafuni kwanto ibadibanisa nawo. Kodwa amaKristu ayayazi ukuba abantu abaswelekileyo akukho ndawo baphila kuyo. Asinakuthetha nabo, ibe abanakusenzakalisa okanye basincede. (INdumiso 115:17) Lumka, kuba iidemon zifuna ukukuqhatha. Ungaze uzame ukuthetha nabantu abaswelekileyo okanye iidemon, ibe ungaze wenze namasiko azo.​—Funda iDuteronomi 18:10, 11; Isaya 8:19.

13. Yintoni abaye bayeka ukuyenza abantu ababekade besoyika iidemon?

13 Iidemon azibaqhathi nje kuphela abantu, kodwa ziyaboyikisa. Namhlanje, uSathana needemon zakhe bayayazi ukuba ixesha abanalo lifutshane ngenxa yaloo nto ‘banomsindo kakhulu.’ (ISityhilelo 12:12, 17) Kodwa ke, amawaka abantu ababesoyika iidemon, abasazoyiki. Yintoni eyabanceda bayeka ukuzoyika?

UNGAVUMELI IIDEMON ZIKUQHATHE

14. NjengamaKristu ase-Efese, sinokwahlukana njani needemon?

14 IBhayibhile isixelela indlela esinokwahlukana ngayo needemon okanye siphephe ukuqhathwa zizo. Ngokomzekelo, abanye abantu base-Efese babesebenzisana needemon ngaphambi kokuba bafunde inyaniso. Bohlukana njani nazo? IBhayibhile ithi: “Abaninzi kwabo babesenza imilingo baqokelela zonke iincwadi zabo, bazitshisa phambi komntu wonke.” (IZenzo 19:19) Bazitshabalalisa zonke iincwadi zabo zemilingo kuba babefuna ukuba ngamaKristu. Kufuneka into efanayo nanamhlanje. Nabani na ofuna ukukhonza uYehova kufuneka alahle zonke izinto ezinento yokwenza needemon. Isenokuba ziincwadi, iimagazini, iimuvi, umculo, imidlalo, nayo nantoni na eyenza kube ngathi imilingo kunye needemon aziyongozi kodwa ziyonwabisa. Isenokuba zizo nezinto abantu abazinxibayo ukuze bazikhusele kwimimoya emdaka.​—1 Korinte 10:21.

15. Yintoni enye ekufuneka siyenze ukuze singaqhathwa nguSathana needemon zakhe?

15 Emva kweminyaka amaKristu ase-Efese etshise iincwadi zawo zemilingo, umpostile uPawulos wabhala wathi kwakusafuneka ‘alwe nemikhosi yemimoya emibi.’ (Efese 6:12) Nangona la maKristu ayezitshisile iincwadi zawo, iidemon zazisazama ukuwenzakalisa. Ngoko, yintoni enye ekwakufuneka eyenzile? UPawulos wathi kuwo: “Thathani ikhaka elikhulu elilukholo, eniza kukwazi ukucima ngalo zonke iintolo ezivuthayo zomenzi-bubi.” (Efese 6:16) Njengokuba ikhaka likhusela ijoni emfazweni, ukholo lwethu lunokusikhusela. Ukuba siqinisekile ukuba uYehova uza kusikhusela, asizukuqhathwa nguSathana needemon zakhe.​—Mateyu 17:20.

16. Yintoni esinokuyenza ukuze siqinise ukholo lwethu kuYehova?

16 Yintoni esinokuyenza ukuze siqinise ukholo lwethu kuYehova? Kufuneka sifunde iBhayibhile yonke imihla, size sifunde ukumthemba ukuba uza kusikhusela. Ukuba simthemba kakhulu uYehova, uSathana needemon zakhe abazukukwazi ukusenzakalisa.​—1 Yohane 5:5.

17. Yintoni enye eza kusikhusela kwiidemon?

17 Yintoni enye ekwafuneka amaKristu ase-Efese ayenze? Abantu abaninzi kwisixeko awayehlala kuso babesebenzisana needemon. UPawulos wathi kuwo: “Niqhubeke nisebenzisa zonke iindlela zokuthandaza . . . ngawo onke amaxesha.” (Efese 6:18) Kwakufuneka bacele uYehova abakhusele ngalo lonke ixesha. Thina? Nathi sihlala phakathi kwabantu abasebenzisana needemon. Ngoko, kufuneka sicele uYehova asikhusele size sisebenzise igama lakhe xa sithandaza. (Funda iMizekeliso 18:10.) Xa siqhubeka sicela uYehova ukuba asisindise kuSathana uza kuyiphendula imithandazo yethu.​—INdumiso 145:19; Mateyu 6:13.

18, 19. (a) Sinokumoyisa njani uSathana needemon zakhe? (b) Ngowuphi umbuzo oza kuphendulwa kwisahluko esilandelayo?

18 Ukuba silahla yonke into ebomini bethu enento yokwenza needemon size sithembe uYehova ukuba uza kusikhusela, soze soyiswe nguSathana needemon zakhe. Asimele siboyike. (Funda uYakobi 4:7, 8.) UYehova unamandla kakhulu kuneedemon. Wazohlwaya ngemihla kaNowa, ibe ekuhambeni kwexesha uza kuzitshabalalisa. (Yuda 6) Khumbula ukuba uYehova akasiyekelanga kulo mlo. Usebenzisa iingelosi zakhe ukuze asikhusele. (2 Kumkani 6:15-17) Sinokuqiniseka ukuba xa sincedwa nguYehova siza kumoyisa uSathana needemon zakhe.—1 Petros 5:6, 7; 2 Petros 2:9.

19 Ukuba uSathana needemon zakhe babangela iingxaki ezininzi kangaka, kutheni uThixo engekabatshabalalisi? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwisahluko esilandelayo.