Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 13

Buhloniphe Ubomi Kuba Sisipho

Buhloniphe Ubomi Kuba Sisipho

1. Ngubani osinike ubomi?

UYEHOVA “unguThixo ophilayo.” (Yeremiya 10:10) UnguMdali wethu, ibe usinike ubomi. IBhayibhile ithi: “Wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhilelo 4:11) UYehova wayefuna siphile. Ubomi sisipho esihle esivela kuye.​—Funda iNdumiso 36:9.

2. Sinokwenza ntoni ukuze siphumelele ebomini?

2 UYehova usinike izinto esizidingayo ukuze siqhubeke siphila, njengokutya namanzi. (IZenzo 17:28) Kodwa eyona nto ayifunayo kukuba sonwabe. (IZenzo 14:15-17) Ukuze siphumelele ebomini kufuneka sithobele imithetho kaThixo.​—Isaya 48:17, 18.

NGABA UBOMI BUBALULEKILE KUTHIXO?

3. Wenza ntoni uYehova emva kokuba uKayin ebulele uAbheli?

3 IBhayibhile isifundisa ukuba ubomi bethu nobabanye abantu bubalulekile kuYehova. Ngokomzekelo, xa uKayin, unyana ka-Adam noEva waba nomsindo ngakumntakwabo, uAbheli, uYehova wathi makawulawule umsindo wakhe. Kodwa uKayin akazange amamele, waba nomsindo kakhulu kangangokuba “wamhlasela waza wambulala uAbheli umntakwabo.” (Genesis 4:3-8) UYehova wamohlwaya uKayin ngokubulala umntakwabo. (Genesis 4:9-11) Ngoko ukuba nomsindo nokucaphukela omnye umntu kuyingozi kuba kunokusenza sibe ziindlobongela okanye sikhohlakale. Umntu onjalo akanakubufumana ubomi obungunaphakade. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:15.) Kufuneka sifunde ukuthanda bonke abantu ukuze sivuyise uYehova.​—1 Yohane 3:11, 12.

4. Omnye umthetho uThixo awawunika amaSirayeli usifundisa ntoni ngesipho sobomi?

4 Emva kweminyaka engamawakawaka, uYehova wabonisa ukuba ubomi bubalulekile kuye xa wanika uMoses iMithetho Elishumi. Omnye waloo mithetho uthi: “Uze ungabulali.” (Duteronomi 5:17) Ukuba umntu wayebulele omnye ngabom, wayeza kubulawa naye.

5. UThixo ukujonga njani ukuqhomfa?

5 UThixo ukujonga njani ukuqhomfa? Nobomi bomntwana ongekazalwa bubalulekile kuYehova. KuMthetho awawunika amaSirayeli, uYehova wathi ukuba umntu wonzakalise umama, waza umntwana wakhe wasweleka, loo mntu umele abulawe. (Funda iEksodus 21:22, 23; iNdumiso 127:3.) Le nto isifundisa ukuba ukuqhomfa akuyonto ilungileyo.​—Funda iSihlomelo 28.

6, 7. Sinokumbonisa njani uYehova ukuba ubomi bethu nobabanye abantu bubalulekile kuthi?

6 Sinokumbonisa njani uYehova ukuba ubomi bethu nobabanye abantu bubalulekile kuthi? Ngokungazenzi izinto eziza kwenza abanye abantu okanye thina sibe sengozini. Ngoko asizukulisebenzisa icuba, sinxile okanye sisebenzise kakubi iziyobisi.

7 UThixo usinike ubomi bethu nemizimba yethu, ibe simele sizisebenzise ngendlela yena afuna ngayo. Ngoko simele siyihoye imizimba yethu. Ukuba asiyenzi loo nto, asizukuba ngabantu abacocekileyo emehlweni kaThixo. (Roma 6:19; 12:1; 2 Korinte 7:1) Asinakumkhonza uYehova, owasinika ubomi, ukuba abubalulekanga kuthi. Naxa kusenokuba nzima kakhulu ukuyeka ukwenza izinto ezimbi, uYehova uza kusinceda ukuba sizama kangangoko sinako kuba ubomi bubaluleke nakuthi.

8. Yintoni esiza kuyenza ukuze siqiniseke ukuba asibeki ubomi bethu okanye obabanye abantu engozini?

8 Sifundile ukuba ubomi sisipho esixabisekileyo. UYehova usithembile ukuba siza kuzama kangangoko sinako ukuba singabeki ubomi bethu okanye obabanye abantu engozini. Le nto siyenza ngendlela esiyiqhuba ngayo imoto yethu, isithuthuthu, okanye nesiphi na isithuthi. Asifuni nto isidibanisa nemidlalo eyingozi okanye enomlo. (INdumiso 11:5) Sizama kangangoko nokuba kungabikho nto inokuba yingozi nasemakhayeni ethu. UYehova wathi kumaSirayeli: “Xa usakha indlu umele ulunyuse udonga eluphahleni, ukuze intsapho yakho ingabi netyala legazi ngenxa yomntu owileyo kuyo.”​—Duteronomi 22:8.

9. Simele siziphathe njani izilwanyana?

9 Kwanendlela esiziphatha ngayo izilwanyana ibalulekile kuYehova. Uyasivumela ukuba sizibulale ukuze sifumane ukutya nempahla, naxa isilwanyana sifuna ukusenzakalisa. (Genesis 3:21; 9:3; Eksodus 21:28) Kodwa asimele siziphathe kakubi izilwanyana okanye sizibulale ngenxa nje yemidlalo.​—IMizekeliso 12:10.

UBOMI BUNGCWELE, SIMELE SIBUHLONIPHE

10. Sazi njani ukuba igazi limela ubomi?

10 Igazi lingcwele kuYehova kuba limela ubomi. Emva kokuba uKayin ebulele uAbheli, uYehova wathi kuKayin: “Igazi lomntakwenu liyandikhalela lisemhlabeni.” (Genesis 4:10) Igazi lika-Abheli limela ubomi bakhe, ibe uYehova wamohlwaya uKayin ngokubulala uAbheli. Emva koMkhukula womhla kaNowa, uYehova waphinda wabonisa ukuba igazi limela ubomi. UYehova wamvumela uNowa nentsapho yakhe ukuba batye inyama yezilwanyana. Wathi: “Zonke izilwanyana ezihambayo ziza kuba kukutya kwenu. Zonke ndizinika nina, njengokuba ndaninika imifuno eluhlaza.” Kodwa ke, ikhona into uYehova awabayalela ukuba bangayityi: “Yinyama enobomi bayo kuphela, oko kukuthi igazi layo, eningamele niyitye.”​—Genesis 1:29; 9:3, 4.

11. Wathini uYehova kumaSirayeli ngegazi?

11 Kwiminyaka emalunga neyi-800 emva kokuba uYehova exelele uNowa ukuba angalityi igazi, waphinda wathi kubantu bakhe: “Ukuba omnye wamaSirayeli okanye omnye umntu wasemzini ohlala nani uyazingela aze abambise inyamakazi okanye intaka etyiwayo, umele alichithe igazi layo aze alogqume ngomhlaba.” Waphinda wathi: ‘Nimele ningalityi igazi.’ (Levitikus 17:13, 14) UYehova wayesafuna abantu bakhe bajonge igazi njengelingcwele. Babenokuyitya inyama, kodwa igazi lona babengenakulitya. Xa bexhele isilwanyana, babemele baphalaze igazi laso emhlabeni.

12. AmaKristu alijonga njani igazi?

12 Emva kweminyaka uYesu efile, abapostile nabadala bebandla lamaKristu aseYerusalem badibana ukuze babone ukuba yeyiphi iMithetho eyayinikwe amaSirayeli esasebenzayo nakumaKristu. (Funda iZenzo 15:28, 29; 21:25.) UYehova wabanceda baqonda ukuba igazi lalisabalulekile kuye, ibe babemele balijonge njengelingcwele. AmaKristu exesha labapostile ayengalityi okanye alisele igazi, okanye atye inyama engophiswanga kakuhle. Ukuba ayenokuyenza loo nto, kwakunokufana nokukhonza izithixo okanye ukuziphatha kakubi ngokwesondo. Ukususela ngelo xesha ukuza kutsho ngoku, amaKristu enene ebengavumi ukulitya okanye ukulisela igazi. Namhlanje? UYehova usalijonga njengento ebalulekileyo igazi.

13. Kutheni amaKristu engavumi ukuthiwa igazi?

13 Ngaba le nto ithetha ukuba nawo amaKristu amele angavumi ukuthiwa igazi? Ewe. UYehova wathi simele singalityi okanye silisele igazi. Ukuba ugqirha ukuxelele ukuba umele ungabuseli utywala, ngaba ubunokubutofela emzimbeni? Ubungenakuyenza loo nto! Ngendlela efanayo, umyalelo wokungalityi okanye ukungaliseli igazi uthetha ukuba asinakuvuma ukulitofelwa.​—Funda iSihlomelo 29.

14, 15. Kubaluleke kangakanani ukuba amaKristu abuhloniphe ubomi aze athobele uYehova?

14 Siza kuthini xa ugqirha esixelela ukuba siza kufa ukuba asivumi ukulitha igazi? Umntu umele azenzele ngokwakhe isigqibo sokuthobela umthetho kaThixo ngegazi. AmaKristu asihlonipha kakhulu isipho sikaThixo sobomi, ibe sikhangela ezinye iindlela zokuzinyanga ukuze siqhubeke siphila; kodwa asizokuvuma ukuthiwa igazi.

15 Sizama kangangoko sinako ukuhlala sisempilweni, kodwa kuba ubomi bubalulekile kuThixo, asizukuvuma ukuthiwa igazi. Kubaluleke kakhulu ukuthobela uYehova kunokuzama ukuphila ubomi obude ngokungamthobeli. UYesu wathi: “Nabani na ofuna ukusindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, kodwa nabani na olahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam uza kuphinda abufumane.” (Mateyu 16:25) Sifuna ukuthobela uYehova kuba simthanda. Uyayazi into esilungeleyo, ibe nathi sibujonga njengento ebalulekileyo nengcwele ubomi.​—Hebhere 11:6.

16. Kutheni abakhonzi bakaThixo bemthobela?

16 Abakhonzi bakaThixo bazimisele ukuthobela imithetho yakhe engegazi. Abalityi okanye balisele igazi, ibe abalamkeli kwakwindlela abanyangwa ngayo. * Kodwa ke, bayazamkela ezinye iindlela abanokunyangwa ngazo ukuze baqhubeke bephila. Baqinisekile ukuba uMdali wobomi negazi uyayazi into ebalungeleyo. Ngaba ucinga ukuba uyayazi into ekulungeleyo wena?

INDLELA EFANELEKILEYO YOKUSETYENZISWA KWEGAZI

17. KwaSirayeli, yeyiphi ekuphela kwendlela yokusebenzisa igazi uYehova awayeyivumela?

17 KuMthetho uThixo awawunika uMoses, wathi kumaSirayeli: “Ubomi bayo nantoni na ephilayo busegazini, yaye mna ndininike lona ukuze nizihlawulele esibingelelweni, kuba ligazi elinenza nihlawulelwe.” (Levitikus 17:11) Xa amaSirayeli onayo, ayenokucela uYehova ukuba awaxolele ngokunikela ngesilwanyana nangokucela umbingeleli ukuba aphalaze inxalenye yegazi laso esibingelelweni, etempileni. Yayiyileyo qha indlela efanelekileyo yokusebenzisa igazi.

18. Kusinceda njani ukunikela kukaYesu ngobomi bakhe?

18 Xa uYesu weza emhlabeni, wathathel’ indawo umthetho wokunikela ngezilwanyana ngokunikela ngobomi bakhe, okanye igazi, ukuze kuxolelwe izono zethu. (Mateyu 20:28; Hebhere 10:1) Ubomi bukaYesu babuxabiseke kakhulu kangangokuba emva kokuba evuselwe ezulwini, uYehova wayenokunika bonke abantu ithuba lokuphila ubomi obungunaphakade.​—Yohane 3:16; Hebhere 9:11, 12; 1 Petros 1:18, 19.

Ungabonisa njani ukuba uyabuhlonipha ubomi negazi?

19. Yintoni esimele siyenze ukuze sibe ‘msulwa egazini labantu bonke’?

19 Simbulela kakhulu uYehova ngesipho esimangalisayo sobomi! Sifuna ukuxelela abantu ukuba xa benokholo kuYesu banokuphila ngonaphakade. Siyabathanda abantu, ibe siza kwenza konke esinokukwenza ukuze sibafundise indlela yokufumana ubomi. (Hezekile 3:17-21) Emva koko, njengompostile uPawulos, siza kukwazi ukuthi: “Ndimsulwa egazini labantu bonke, kuba andinifihlelanga nto, ndinixelele yonke injongo kaThixo.” (IZenzo 20:26, 27) Sibonisa ukuba sibuhlonipha kakhulu ubomi negazi xa sixelela abanye abantu ngoYehova nangendlela obubaluleke ngayo ubomi kuye.

^ isiqe. 16 Ukuze ufunde ezinye izinto ngokuthiwa kwegazi, funda iphepha 77-79 kwincwadi ethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo,” epapashwe ngamaNgqina KaYehova.