Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 14

Inokonwaba Intsapho Yakho

Inokonwaba Intsapho Yakho

1, 2. UYehova ufuna ziphile njani iintsapho?

ABANTU bokuqala batshatiswa nguYehova. IBhayibhile isixelela ukuba wadala umfazi wokuqala waza “wamzisa endodeni.” UAdam wavuya kakhulu wade wathi: “Ekugqibeleni, eli lithambo lasemathanjeni am nenyama yasenyameni yam.” (Genesis 2:22, 23) Le nto isenza sibone ukuba uYehova ufuna abantu abatshatileyo bonwabe.

2 Ngelishwa, abanye abantu zange bakha bonwaba entsatsheni. Kodwa iBhayibhile inemigaqo eza kunceda bonke abantu bentsapho ukuba benze kube mnandi ekhayeni.​—Luka 11:28.

YINTONI AYILINDELEYO UYEHOVA KUBAYENI?

3, 4. (a) Umyeni ufanele amphathe njani umfazi wakhe? (b) Kutheni kubalulekile ukuba indoda nomfazi baxolelane?

3 IBhayibhile ithi umyeni olungileyo umele amthande umfazi wakhe aze amphathe ngembeko. Khawufunde kwabase-Efese 5:25-29. Umyeni uza kusoloko emphatha umfazi wakhe ngendlela ebonisa ukuba uyamthanda. Uza kumkhusela, amnike izinto azidingayo aze angenzi nto iza kumenzakalisa.

4 Kufuneka enze ntoni umyeni xa umfazi wakhe esenza iimpazamo? IBhayibhile ithi kubayeni: “Nina madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, ningabi namsindo kubo.” (Kolose 3:19) Madoda, khumbulani ukuba nani niyazenza iimpazamo. Kwaye ukuba umyeni ufuna uThixo amxolele, kufuneka axolele umfazi wakhe. (Mateyu 6:12, 14, 15) Xa umyeni nenkosikazi yakhe bexolelana, baza konwaba.

5. Kutheni umyeni efanele amphathe ngembeko umfazi wakhe?

5 UYehova ulindele ukuba umyeni amphathe ngembeko umfazi wakhe. Kufuneka acinge kakuhle ngezinto ezidingwa ngumfazi wakhe. Yinto ebalulekileyo le. Ukuba umyeni akamphathi kakuhle umfazi wakhe, uYehova usenokungayimameli imithandazo yakhe. (1 Petros 3:7) UYehova uthanda abantu abamthandayo. Akakhethi amadoda kunabafazi.

6. Kuthethwa ukuthwani xa kusithiwa indoda nomfazi “bangumntu omnye”?

6 UYesu wathi indoda nomfazi “abasekho babini, kodwa bangumntu omnye.” (Mateyu 19:6) Bathembekile ibe soze bajikelane. (IMizekeliso 5:15-21; Hebhere 13:4) Indoda nomfazi kufuneka bangavimbani isondo. (1 Korinte 7:3-5) Umyeni umele akhumbule ukuba “akukho mntu owakha wawucaphukela umzimba wakhe; kodwa uyawondla aze awuthande.” Ngenxa yaloo nto, kufuneka amthande umfazi wakhe. Eyona nto ibalulekileyo emfazini kukuba umyeni wakhe amthande aze abe nobubele kuye.​—Efese 5:29.

ULINDELE NTONI UYEHOVA KUBAFAZI?

7. Kutheni intsapho idinga intloko?

7 Zonke iintsapho zidinga intloko, eza kukhokela intsapho yayo ukuze isebenzisane kakuhle. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:3 iBhayibhile ithi: “Intloko yendoda nguKristu, intloko yomfazi yindoda, ize intloko kaKristu ibe nguThixo.”

8. Umfazi unokumhlonipha kakhulu njani umyeni wakhe?

8 Bonke abayeni bayazenza iimpazamo. Kodwa xa umfazi ezixhasa izigqibo zomyeni wakhe aze ancedisane naye, yonke intsapho iyancedakala. (1 Petros 3:1-6) IBhayibhile ithi: “Umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.” (Efese 5:33) Ukuba umyeni akakhonzi nomfazi? Kusafuneka emhloniphe kakhulu. IBhayibhile ithi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, ukuze ukuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, ancedwe akholwe ngenxa yokubona ukuziphatha kwabafazi bawo, bengakhange bathethe, akholwe kuba eye azibonela ngokwawo indlela entle eniziphethe ngayo, nendlela eniwahlonipha ngayo ngokusuka entliziyweni.” (1 Petros 3:1, 2) Umzekelo omhle womfazi unokunceda umyeni wakhe ayiqonde aze ayihlonele into ayikholelwayo.

9. (a) Yintoni enokwenziwa ngumfazi xa engavumelani nomyeni wakhe? (b) Lithini icebiso eliya kubafazi kuTito 2:4, 5?

9 Yintoni enokwenziwa ngumfazi xa engavumelani nomyeni wakhe? Umele achaze indlela abona ngayo yena kodwa ngembeko. Ngokomzekelo, uAbraham wakha akayithanda into eyathethwa nguSara, kodwa uYehova wathi kuye: “Mmamele.” (Genesis 21:9-12) Umyeni ongumKristu akafane enze izigqibo ezingadibaniyo neBhayibhile, ngenxa yaloo nto umfazi wakhe umele amxhase. (IZenzo 5:29; Efese 5:24) Umfazi olungileyo uyiphatha kakuhle intsapho yakhe. (Funda uTito 2:4, 5.) Xa umyeni nabantwana bakhe bebona indlela asebenza nzima ngayo, baza kumthanda baze bamhloniphe kakhulu.​—IMizekeliso 31:10, 28.

USara ungumzekelo omhle njani kubafazi?

10. Ithini iBhayibhile ngokwahlukana nedivosi?

10 Ngamanye amaxesha amadoda nabafazi baye bakhawuleze benze isigqibo sokwahlukana okanye esokudivosa. Kodwa iBhayibhile ithi “umfazi umele angohlukani nendoda yakhe” ibe “nendoda ayimele imshiye umfazi wayo.” (1 Korinte 7:10, 11) Kwezinye iimeko ezinzima, amadoda nabafazi basenokwahlukana, kodwa ayisosigqibo esilula esi. Yona idivosi? IBhayibhile ithi abantu abatshatileyo banokudivosa xa indoda okanye umfazi eye wabelana ngesondo nomnye umntu ongenguye lo atshate naye.​—Mateyu 19:9.

ULINDELE NTONI UTHIXO KUBAZALI?

UYesu ungumzekelo omhle kumntu wonke entsatsheni

11. Yintoni eyona nto idingwa ngabantwana?

11 Bazali, chithani ixesha elininzi nabantwana benu. Abantwana benu bayanidinga ibe into ebaluleke ngakumbi kukuba badinga ukuba nibafundise ngoYehova.​—Duteronomi 6:4-9.

12. Yintoni abamele bayenze abazali ukuze bakhusele abantwana babo?

12 Ihlabathi likaSathana liya likhohlakala, ibe kusenokubakho abantu abafuna ukwenzakalisa abantwana bethu, de babaxhaphaze nangesondo. Kunzima kwabanye abazali ukuthetha ngale nto nabantwana babo. Kodwa abazali kufuneka balumkise abantwana babo ngabantu abanjalo baze babafundise nendlela yokubaphepha. Bazali, khuselani abantwana benu. *​—1 Petros 5:8.

13. Abazali bamele babafundise njani abantwana babo?

13 Abazali banomsebenzi wokufundisa abantwana indlela yokwenza izinto. Unokubafundisa njani abantwana bakho? Kufuneka ubaqeqeshe, kodwa ungasibaxi isohlwayo. (Yeremiya 30:11) Ungaze ubohlwaye unomsindo abantwana bakho. Awufuni ukuthetha amazwi “ahlaba okwekrele” uze ubakhathaze. (IMizekeliso 12:18) Bancede baqonde ukuba kutheni kufuneka bathobele.​—Efese 6:4; Hebhere 12:9-11; funda iSihlomelo 30.

ULINDELE NTONI UTHIXO KUBANTWANA?

14, 15. Kutheni kufuneka abantwana bathobele abazali babo?

14 UYesu wayesoloko emthobela uTata wakhe, naxa kwakungekho lula. (Luka 22:42; Yohane 8:28, 29) UYehova ulindele ukuba nabantwana bathobele abazali babo.​—Efese 6:1-3.

15 Bantwana, nokuba niziva ngathi kunzima ukuthobela abazali benu, khumbulani ukuba xa nibathobela, uYehova nabazali benu bayavuya. *​—IMizekeliso 1:8; 6:20; 23:22-25.

Yintoni enokunceda ulutsha luthobele uThixo naxa kukho umntu ofuna lenze into erongo?

16. (a) USathana uzama njani ukwenzisa abantu abatsha izinto ezimbi? (b) Kutheni kubalulekile ukufuna iitshomi ezithanda uYehova?

16 UMtyholi unokusebenzisa iitshomi zakho nezinye iintanga zakho ukuba zifune ukukwenzisa into erongo. Uyayazi ukuba kusenokuba nzima ukuthi hayi. Ngokomzekelo, intombi kaYakobi uDina yayineetshomi ezazingamthandi uYehova. Le nto yamenzela iingxaki ezininzi yena nabantu bakokwabo. (Genesis 34:1, 2) Ukuba iitshomi zakho azimthandi uYehova, zisenokufuna wenze into ayicaphukelayo, neza kuvisa kabuhlungu wena, abantu bakokwenu, noThixo. (IMizekeliso 17:21, 25) Yile nto kubalulekile ukuba ufune iitshomi ezithanda uYehova.​—1 Korinte 15:33.

INOKONWABA INTSAPHO YAKHO

17. Yintoni emele yenziwe ngumntu ngamnye entsatsheni?

17 Xa bonke abantu entsatsheni besenza izinto ezithethwa nguThixo, baza kuphepha iingxaki ezininzi. Ngoko ukuba ungumyeni, mthande umfazi wakho. Ukuba ungumfazi, mhloniphe uze umthobele umyeni wakho uze wenze njengomfazi ekuthethwe ngaye kwiMizekeliso 31:10-31. Ukuba ungumzali, fundisa abantwana bakho ukuba bathande uThixo. (IMizekeliso 22:6) Ukuba ungutata, ‘yikhokele kakuhle’ intsapho yakho. (1 Timoti 3:4, 5; 5:8) Nani bantwana, thobelani abazali benu. (Kolose 3:20) Khumbulani ukuba wonke umntu unokuzenza iimpazamo, ngenxa yaloo nto zithobeni nize nicele uxolo. IBhayibhile inamacebiso kaYehova anokunceda wonke umntu entsatsheni.

^ isiqe. 12 Ukuze ufunde ngendlela yokukhusela abantwana bakho funda isahluko 32 kwincwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu, epapashwe ngamaNgqina KaYehova.

^ isiqe. 15 Umntwana unokungabathobeli abazali bakhe xa befuna enze into engafunwayo nguMthetho kaThixo.​—IZenzo 5:29.