Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 16

Khetha Ukukhonza UThixo Ngendlela Ayifunayo

Khetha Ukukhonza UThixo Ngendlela Ayifunayo

1, 2. Ngowuphi umbuzo omele uzibuze wona, ibe kutheni ibalulekile nje loo nto?

NJENGOKUBA ubufunda iBhayibhile, uvile ukuba abantu abaninzi abathi bakhonza uThixo bafundisa okanye benza izinto azicaphukelayo. (2 Korinte 6:17) Yiloo nto uYehova esithi masiphume kwiinkonzo zobuxoki, “iBhabhiloni Enkulu.” (ISityhilelo 18:2, 4) Uza kuthini? Sonke kufuneka sikhethe, ibe simele sizibuze ukuba, ‘Ngaba ndifuna ukukhonza uThixo ngendlela ayifunayo, okanye ngale ndlela bendisoloko ndimkhonza ngayo?’

2 Ukuba sowuyishiyile inkonzo yobuxoki, intle loo nto. Kodwa ke, pha ngaphakathi entliziyweni yakho kusenokwenzeka ukuba zikhona izinto ezenziwa kwiinkonzo zobuxoki osazithandayo. Makhe sithethe ngezinye zezo zinto size sibone ukuba kutheni kubalulekile ukuzijonga ngendlela uYehova azijonga ngayo.

UKUKHONZA IMIFANEKISO NEZINYANYA

3. (a) Kutheni kusenokuba nzima kwabanye ukuyeka ukusebenzisa imifanekiso xa bekhonza? (b) Ithini iBhayibhile ngokusebenzisa imifanekiso xa sikhonza uThixo?

3 Kudala abantu basebenzisa imifanekiso eqingqiweyo emakhayeni abo xa besithi bakhonza uThixo. Ukuba nawe ubusenza loo nto, usenokungakuqheli ukukhonza uThixo ngaphandle kwayo. Kodwa khumbula ukuba nguYehova osifundisa indlela afuna simkhonze ngayo. NeBhayibhile iyasixelela ukuba uYehova akafuni sisebenzise imifanekiso xa simkhonza.​—Funda iEksodus 20:4, 5; INdumiso 115:4-8; Isaya 42:8; 1 Yohane 5:21.

4. (a) Kutheni kufuneka singazikhonzi izinyanya? (b) Kutheni uYehova waxelela abantu bakhe ukuba bangazami ukuthetha nabantu abaswelekileyo?

4 Abantu abaninzi banokuchitha ixesha elininzi kunye namandla abo bezama ukukholisa izinyanya zabo. Banokude bazikhonze. Kodwa sifundile ukuba abantu abaswelekileyo abanakusinceda okanye basenzakalise. Akho ndawo baphila kuyo. Kuyingozi kwaukuzama ukuthetha nabo kuba nowuphi na umyalezo ongathi uvela kumntu wethu owaswelekayo, sukuba uvela kwiidemon. Yiloo nto uYehova wayalela amaSirayeli ukuba angazami ukuthetha nabantu abaswelekileyo okanye asebenzisane needemon nokuba kungeyiphi na indlela.​—Duteronomi 18:10-12; funda iSihlomelo 26 no-31.

5. Yintoni enokukunceda uyeke ukusebenzisa imifanekiso xa ukhonza uThixo okanye uyeke ukukhonza izinyanya?

5 Yintoni enokukunceda uyeke ukusebenzisa imifanekiso xa ukhonza uThixo okanye uyeke ukukhonza izinyanya? Kufuneka ufunde iBhayibhile uze uyicinge kakuhle indlela uYehova azijonga ngayo ezo zinto. ‘Uyazenyanya.’ (Duteronomi 27:15) Thandaza yonke imihla kuYehova uze umcele ukuba akuncede uzijonge njengaye izinto nokuba akuncede umkhonze ngendlela ayifunayo. (Isaya 55:9) Qiniseka ukuba uYehova uza kukunika amandla owadingayo ukuze ususe zonke izinto ezinento yokwenza neenkonzo zobuxoki ebomini bakho.

NGABA SIMELE SIYIBHIYOZELE IKRISMESI?

6. Kwakutheni ukuze kukhethwe uDisemba 25 ukuba abe yimini yokubhiyozelwa kokuzalwa kukaYesu?

6 Emhlabeni wonke, iKrismesi yenye yezona holide zithandwayo, ibe abantu abaninzi bacinga ukuba yeyokubhiyozela imini ekwazalwa ngayo uYesu. Kodwa iKrismesi isuka kwiinkonzo zobuxoki. Enye iencyclopedia ithi abahedeni bamaRoma babebhiyozela ukuzalwa kwelanga ngoDisemba 25. Nangona uYesu engazange azalwe ngoDisemba 25, abakhokeli beecawa bagqiba ekubeni babhiyozele ukuzalwa kukaYesu ngalo mhla ukuze abanye abahedeni babe ngamaKristu. (Luka 2:8-12) Abafundi bakaYesu babengayibhiyozeli iKrismesi. Enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi kwiminyaka eyi-200 emva kokuzalwa kukaYesu, “akho mntu wayesazi ibe bambalwa abantu ababehoye ukuba uYesu wazalwa nini.” (Sacred Origins of Profound Things) Kwaqalwa sekudlule amakhulu eminyaka uYesu wemkayo emhlabeni ukubhiyozelwa kweKrismesi.

7. Kutheni amaKristu okwenene engayibhiyozeli iKrismesi?

7 Abantu abaninzi bayayazi ukuba isuka kubahedeni iKrismesi kunye nezinto ezenziwa ngale mini, njengokuba neepati nokuphana izipho. Ngokomzekelo, eNgilani nakwezinye iindawo zaseMerika, kwakukhe akwavumeleka ukubhiyozelwa kweKrismesi ngenxa yokuba isuka kubahedeni. Umntu oyibhiyozeleyo wayesohlwaywa. Kodwa ekuhambeni kwexesha abantu baphinda bayibhiyozela. Kutheni amaKristu okwenene engayibhiyozeli iKrismesi? Kuba afuna ukusoloko esenza izinto azithandayo uThixo.

NGABA SIMELE SIYIBHIYOZELE IMIHLA YOKUZALWA?

8, 9. Kutheni amaKristu okuqala ayengayibhiyozeli imihla yokuzalwa?

8 Enye into ethanda ukubhiyozelwa ngabantu ngumhla wokuzalwa. Ngaba amaKristu amele awubhiyozele umhla wokuzalwa kwawo? Abantu ababhiyozela imihla yabo yokuzalwa ekuthethwa ngabo eBhayibhileni babengamkhonzi uYehova. (Genesis 40:20; Marko 6:21) Ukubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa kwakusenzelwa ukuzukisa oothixo bobuxoki. Yiloo nto amaKristu okuqala “ayekuthatha njengento yabahedeni ukubhiyozelwa komhla wokuzalwa.”​—The World Book Encyclopedia.

9 AmaRoma namaGrike akudala ayekholelwa ukuba kwakubakho umoya othile owawubakho xa umntu ezalwa uze umkhusele ubomi bakhe bonke. Abantu abangengomaKristu ngela xesha babeyibhiyozela imihla yokuzalwa kuba babecinga ukuba ukwenza loo nto kwakuza kwenza oothixo babo bakhusele loo mntu uzalwe ngaloo mini.

10. Kutheni amaKristu engamele awubhiyozele umhla wokuzalwa?

10 Ucinga ukuba uYehova uyazamkela izinto ezibhiyozelwayo ezinento yokwenza neenkonzo zobuxoki? (Isaya 65:11, 12) Hayi, akazamkeli. Yiloo nto singayibhiyozeli imihla yokuzalwa, nayo nayiphi iholide edibene neenkonzo zobuxoki.

NGABA YENZA UMAHLUKO?

11. Kutheni abanye abantu bebhiyozela iiholide? Yintoni eyona nto imele ibaluleke kuwe?

11 Abantu abaninzi bayayazi ukuba iKrismesi nezinye iiholide zisuka kubahedeni, kodwa basaqhubeka bezibhiyozela. Bazixelele ukuba ixesha leeholide lithuba elihle lokuba kunye nentsapho yakho. Ngaba nawe utsho? Akho nto imbi ngokufuna ukuba kunye nentsapho yakho. NguYehova owadala intsapho, ibe ufuna sivane neentsapho zethu. (Efese 3:14, 15) Kodwa ke, eyona nto imele ibe phambili kuthi kukuba ngabahlobo bakaYehova kunokubhiyozela iiholide zabahedeni kuba nje sifuna ukuthandwa ziintsapho zethu. Yiloo nto umpostile uPawulos wathi: “Qhubekani niqinisekisa ngento efunwa yiNkosi.”​—Efese 5:10.

12. Yintoni enokwenza iholide ingafunwa nguYehova?

12 Abantu abaninzi bathi ayithethi nto indawo esuka kuyo iholide, kodwa uYehova akacingi ngolo hlobo. Akazifuni iiholide ezisuka kwiinkonzo zobuxoki okanye ezizukisa abantu okanye ilizwe. Ngokomzekelo, amaYiputa ayenemibhiyozo emininzi esenzela oothixo bawo bobuxoki. Emva kokuba amaSirayeli ephumile eYiputa, akopa enye yezinto ezazibhiyozelwa ngamaYiputa aza athi ‘enzela uYehova.’ Kodwa uYehova wawohlwaya ngenxa yaloo nto. (Eksodus 32:2-10) Njengokuba watshoyo umprofeti uIsaya, kufuneka ‘singachukumisi kwanto ingacocekanga!’​—Funda uIsaya 52:11.

BAPHATHE NGEMBEKO ABANYE

13. Yeyiphi imibuzo onokuzibuza yona xa ugqiba ekubeni uyeke ukubhiyozela iiholide?

13 Xa ugqiba ekubeni uyeke ukubhiyozela iiholide, usenokuba nemibuzo emininzi. Ngokomzekelo: Ndimele ndithini xa abantu endisebenza nabo bendibuza ukuba kutheni ndingabhiyozeli iKrismesi kunye nabo? Ndimele ndithini xa ndinikwa isipho seKrismesi? Ndiza kuthini xa kukho iholide alindele ukuba ndiyibhiyozele umntu enditshate naye? Ndinokubanceda njani abantwana bam bangakhathazeki kuba bengabhiyozeli iiholide okanye umhla wabo wokuzalwa?

14, 15. Unokuthini xa kukho umntu okunqwenelela iholide emnandi okanye okupha isipho?

14 Kubalulekile ukuba usebenzise ingqondo xa ugqiba ngento oza kuyithetha. Ngokomzekelo, ukuba abantu bakunqwenelela iholide emnandi, akho sizathu sokungabahoyi. Usenokuthi, “Enkosi.” Kodwa kwezinye iimeko umntu usenokufuna ukwazi ezinye izinto, xa kunjalo ke usenokukhetha ukumcacisela ukuba kutheni ungayibhiyozeli loo holide. Kodwa ke thetha ngobubele, kakuhle nangembeko. IBhayibhile ithi: “Hlalani nithetha kakuhle, amazwi enu enongwe ngetyiwa, ukuze niyazi indlela yokuphendula umntu ngamnye.” (Kolose 4:6) Mhlawumbi unokubaxelela ukuba uya kuthanda ukuba kunye nabanye abantu nokuphana izipho kodwa ukhetha ukuyenza ngezinye iimini ezingadibenanga nezi holide.

15 Umele uthini xa uphiwa isipho? IBhayibhile ayisiniki imithetho edwelisiweyo, kodwa iyatsho ukuba kufuneka sihlale sinesazela esihle. (1 Timoti 1:18, 19) Mhlawumbi lo mntu ukupha esi sipho akayazi ukuba awuyibhiyozeli le holide. Okanye usenokuthi kuwe, “Ndiyayazi ukuba awuyibhiyozeli le holide, kodwa ndiyafuna ukukupha esi sipho.” Nokuba kwenzeka eyiphi kwezi meko, nguwe oza kugqiba ukuba uyasithatha okanye awusamkeli na eso sipho. Kodwa ke, nokuba wenza esiphi isigqibo, qiniseka ukuba isazela sakho sihlala sisihle. Asifuni kwenza nto iza kumosha ubuhlobo bethu noYehova.

WENA NENTSAPHO YAKHO

Bayavuya abo bakhonza uYehova

16. Uza kuthini xa kukho iholide intsapho yakho efuna ukuyibhiyozela?

16 Uza kuthini xa kukho iholide intsapho yakho efuna ukuyibhiyozela? Akho nto ilwisayo. Khumbula, banelungelo lokuzikhethela into abafuna ukuyenza. Yiba nobubele uze uhloniphe isigqibo sabo, njengokuba nawe ufuna basihloniphe esakho. (Funda uMateyu 7:12.) Kodwa uza kuthini ukuba intsapho yakho ifuna ukuba kunye nawe ngalo holide? Ngaphambi kokuba wenze isigqibo, thandaza ucele uYehova akuncede wenze isigqibo esisiso. Cinga ngale meko yakho, uze uphande ngayo. Khumbula, nguYehova oyena mntu ufuna ukumvuyisa.

17. Ungabanceda njani abantwana bakho bangaziva ngathi bayaphoswa xa bebona abanye bebhiyozela iiholide?

17 Ungabanceda njani abantwana bakho xa bebona abanye bebhiyozela iiholide? Unokuba namaxesha okubenzela izinto ezintle. Mhlawumbi umane ubapha nezipho. Esinye sezipho onokusinika abantwana bakho lixesha nothando lwakho.

KHONZA UTHIXO NGENDLELA AYIFUNAYO

18. Kutheni kufuneka siye kwiintlanganiso zamaKristu?

18 Ukuze sivuyise uYehova, kufuneka silahle iinkonzo zobuxoki, amasiko kunye neeholide ezinento yokwenza nazo. Kodwa enye into ekufuneka siyenze kukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Njani? Enye indlela esinokwenza ngayo, kukuya qho kwiintlanganiso zamaKristu. (Funda kumaHebhere 10:24, 25.) Iintlanganiso zibalulekile xa sifuna ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. (INdumiso 22:22; 122:1) Sinokukhuthazana xa sidibene.​—Roma 1:12.

19. Kutheni kubalulekile ukuxelela abanye ngenyaniso oyifunde eBhayibhileni?

19 Enye indlela onokubonisa ngayo ukuba ukhetha ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo, kukuxelela abanye izinto ozifunde eBhayibhileni. Abantu abaninzi bahlutshwa zizinto ezimbi ezenzeka emhlabeni. Mhlawumbi bakhona abanye abantu obaziyo abaziva ngaloo ndlela. Baxelele ngethemba onalo lezinto ezimangalisayo eziza kwenzeka. Njengoko usiya kwiintlanganiso zamaKristu uze uxelele abanye ngenyaniso eseBhayibhileni, uza kufumanisa ukuba uyekile ukubawela ukuya kwiinkonzo zobuxoki nokwenza izinto zazo. Qiniseka ukuba uza konwaba ibe noYehova uza kuyisikelela imizamo yakho yokukhetha ukumkhonza ngendlela ayifunayo.​—Malaki 3:10.