Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 19

Qhubeka Umthanda UYehova

Qhubeka Umthanda UYehova

1, 2. Sinokuyifumana phi indawo ekhuselekileyo namhlanje?

MASITHI uhamba phandle ibe kukho isiphango. Kuqalisa ukuba mnyama, kulenyeze imibane, kuqalise ukududuma kuze kunethe. Emva koko, ukhangela indawo yokuzimela. Kuye kuthi xibilili ekugqibeleni xa ufumana indawo ekhuselekileyo neyomileyo.

2 Namhlanje sisengxakini efanayo. Izinto ezenzekayo kweli hlabathi ziya zisiba mbi. Inoba ukhe uzibuze, ‘Ndinokuyifumana phi indawo ekhuselekileyo?’ EBhayibhileni, umdumisi wathi: “Ndiza kuthi kuYehova: ‘Uyindawo yam yokubalekela nekhusi lam, Thixo wam endithembele ngaye.’” (INdumiso 91:2) UYehova unokusinceda kwiingxaki esinazo ngoku, ibe usinika ithemba lobomi obumangalisayo kwixesha elizayo.

3. Sinokumenza njani uYehova indawo yethu yokubalekela?

3 UYehova unokusikhusela njani? Unokusinceda sinyamezele nayiphi na ingxaki esinokuba nayo, ibe unamandla ngaphezu kwakhe nabani na onokuzama ukusenzakalisa. Nokuba kunokwenzeka into embi kuthi ngoku, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kuyilungisa loo ngxaki kwixesha elizayo. IBhayibhile ithi: “Nizigcine nithandwa nguThixo.” (Yuda 21) Simele sihlale sisondele kuYehova ukuze asincede xa kunzima. Kodwa sinokuyenza njani loo nto?

MBONISE UTHIXO UKUBA NAWE UYAMTHANDA

4, 5. UYehova usibonise njani ukuba uyasithanda?

4 Ukuze sihlale sisondele kuYehova, kufuneka siyiqonde indlela asithanda ngayo. Khawucinge ngazo zonke izinto uYehova asenzele zona. Usinike umhlaba omhle waza wawugcwalisa ngezityalo nezilwanyana ezimangalisayo. Usinike nokutya okumnandi kunye namanzi acocekileyo. Usebenzise iBhayibhile ukuze asifundise igama lakhe neempawu zakhe ezintle. Ngaphezu koko, ubonise indlela asithanda ngayo ngokuthumela uNyana wakhe, uYesu, apha emhlabeni ukuze asifele. (Yohane 3:16) Ngenxa yokuzincama kwakhe, sinethemba elimangalisayo lexesha elizayo.

5 UYehova ubeke noBukumkani bukaMesiya, urhulumente wasezulwini oza kuphelisa zonke izinto ezibuhlungu ezenzekayo. Obu Bukumkani buza kwenza umhlaba ube yiparadesi, ibe wonke umntu uza kuba seluxolweni aze onwabe ngonaphakade. (INdumiso 37:29) Enye indlela uYehova asibonise ngayo ukuba uyasithanda kukusifundisa indlela esimele siphile ngayo ukuze sonwabe. Uthi masithandaze kuye, ibe usoloko efuna ukusimamela xa sithandaza. UYehova uyenze yacaca into yokuba usithanda sonke.

6. Unokumthanda njani nawe uYehova?

6 Unokumthanda njani nawe uYehova? Mbonise ukuba uyambulela ngazo zonke izinto akwenzele zona. Into ebuhlungu kukuba, abantu abaninzi namhlanje abanambulelo. Kwakunjalo naxa uYesu wayelapha emhlabeni. Ngenye imini, uYesu waphilisa abantu abalishumi ababeneqhenqa, kodwa waba mnye qha owambulelayo. (Luka 17:12-17) Sifuna ukufana nala ndoda yambulelayo uYesu. Sifuna ukuhlala simbulela uYehova.

7. Simele simthande kangakanani uYehova?

7 Nathi simele simthande uYehova. UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba bamele bamthande ngentliziyo yabo yonke, ngomphefumlo wabo wonke nangengqondo yabo yonke uYehova. (Funda uMateyu 22:37.) Ithetha ukuthini loo nto?

8, 9. Singabonisa njani ukuba siyamthanda uYehova?

8 Ngaba simele sitsho nje ngomlomo ukuba siyamthanda uYehova? Hayi. Ukuba simthanda ngentliziyo yethu yonke, ngamandla ethu onke, nangengqondo yethu yonke uYehova, siza kuyibonakalisa ngendlela esizenza ngayo izinto loo nto. (Mateyu 7:16-20) IBhayibhile ifundisa ukuba xa simthanda uThixo, siza kuyithobela imithetho yakhe. Inzima ke loo nto? Hayi, kuba “ayikho nzima imithetho” kaYehova.​—Funda eyoku-1 kaYohane 5:3.

9 Xa simthobela uYehova siyonwaba size saneliseke. (Isaya 48:17, 18) Kodwa yintoni eza kusinceda sihlale sisondele kuYehova? Makhe sibone.

QHUBEKA UMTHANDA UYEHOVA

10. Kutheni umele uqhubeke ufunda ngoYehova?

10 Kwenzeke njani ukuba ube ngumhlobo kaYehova? Uye wafunda iBhayibhile, wamazi uYehova ngaphezu kunakuqala waza wangumhlobo wakhe. Ukuba ngumhlobo kaYehova kufana nomlilo ofuna uqhubeke uvutha. Njengokuba umlilo ufuna iinkuni ukuze uqhubeke uvutha, nawe umele uqhubeke ufunda ngoYehova ukuze uhlale ungumhlobo wakhe.—IMizekeliso 2:1-5.

Njengomlilo, uthando lwakho ngoYehova lufuna iinkuni ukuze luqhubeke luvutha

11. Izinto ozifunda eBhayibhileni ziza kukunceda njani?

11 Xa uqhubeka ufunda iBhayibhile uza kufunda izinto oza kuzithanda nyhani. Khawujonge indlela abafundi bakaYesu ababini abaziva ngayo xa wayebacacisela iziprofeto zeBhayibhile. Bathi: “Yiloo nto besinomdla kangaka ngokuya ebethetha nathi endleleni, esicacisela kakuhle iZibhalo.”​—Luka 24:32.

12, 13. (a) Yintoni enokwenzeka kwindlela esimthanda ngayo uThixo? (b) Sinokwenza njani ukuze siqhubeke simthanda uYehova?

12 Kusenokwenzeka ukuba nawe wawunomdla kakhulu xa wawuqalisa ukuyiqonda iBhayibhile njengabafundi bakaYesu emva kokuba beziqondile iZibhalo. Le nto ikuncede wamazi uYehova waza wamthanda. Awufuni luphole olu thando.​—Mateyu 24:12.

13 Xa ungumhlobo kaThixo, kufuneka usebenze nzima ukuze nihlale ningabahlobo abasondeleleneyo. Kufuneka uqhubeke ufunda ngaye nangoYesu uze ucinge ngezinto ozifundayo nangendlela onokuzenza ngayo ebomini bakho. (Yohane 17:3) Xa ufunda iBhayibhile, zibuze: ‘Indifundisa ntoni le nto ngoYehova uThixo? Kutheni ndimele ndimthande ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke?’​—1 Timoti 4:15.

14. Umthandazo usinceda njani ukuze siqhubeke simthanda uYehova?

14 Xa unomhlobo olungileyo usoloko uthetha naye ukuze nihlale ningabahlobo. Ngendlela efanayo, xa sisoloko sithetha noYehova ngokuthandaza siza kuhlala simthanda. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:17.) Umthandazo sisipho esimangalisayo esisinikwe nguTata wethu wasezulwini. Simele simxelele qho zonke izinto ezisezintliziyweni zethu. (INdumiso 62:8) Asimele siyiphindaphinde imithandazo yethu kuba siyinkqayile, kodwa kufuneka sithethe kanye le nto siyiva ngaphakathi. Ukuba siqhubeka siyifunda iBhayibhile size simxelele izinto ezisezintliziyweni zethu uYehova, siza kuqhubeka simthanda kakhulu.

THETHA NABANYE ABANTU NGOYEHOVA

15, 16. Ubaluleke kangakanani umsebenzi wokushumayela kuwe?

15 Enye into esimele siyenze xa sifuna ukuhlala sisondele kuYehova kukuthetha nabanye abantu ngokholo lwethu. Kuyinyhweba nyhani ukuthetha ngoYehova. (Luka 1:74) UYesu wathi onke amaKristu enene amele athethe ngoYehova. Sonke simele sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo. Ngaba sele uyenzile le nto?​—Mateyu 24:14; 28:19, 20.

16 Kumpostile uPawulos, umsebenzi wokushumayela wawubaluleke kakhulu, wade wathi ‘bubutyebi.’ (2 Korinte 4:7) Ukuxelela abanye abantu ngoYehova nangento ayifunayo ngowona msebenzi ubalulekileyo unokuwenza. Yindlela omkhonza ngayo uYehova, ibe uyixabisa kakhulu into omenzela yona. (Hebhere 6:10) Ukushumayela kunokukunceda wena nabantu oshumayela kubo, kuba unceda wena nabo ukuba nisondele kuYehova nize nifumane ubomi obungunaphakade. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:58.) Ngaba ukhona omnye umsebenzi onokukuvuyisa njengalo?

17. Kutheni ungxamisekile umsebenzi wokushumayela?

17 Umsebenzi wokushumayela ungxamiseke kakhulu. Simele ‘silishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo.’ (2 Timoti 4:2) Kufuneka abantu bafunde ngoBukumkani BukaThixo. IBhayibhile ithi: “Imini enkulu kaYehova isondele! Isondele yaye ikhawuleza kakhulu!” Isiphelo asizukufika “emva kwexesha!” (Zefaniya 1:14; Habhakuki 2:3) UYehova sele eza kulitshabalalisa ihlabathi likaSathana eligcwele zizinto ezimbi. Ngaphambi kokuba yenzeke loo nto, kufuneka abantu balunyukiswe ukuze bakwazi ukukhetha ukukhonza uYehova.

18. Kutheni simele sikhonze uYehova kunye namanye amaKristu enene?

18 UYehova ufuna simkhonze kunye namanye amaKristu enene. IBhayibhile ithi: “Masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye, njengokuba abanye benesiko lokwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ingakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Kufuneka sizame kangangoko sinako ukuba khona kuzo zonke iintlanganiso. Xa sikwiintlanganiso siyakwazi ukukhuthazana size somelezane.

19. Yintoni enokusinceda sibathande abazalwana noodadewethu?

19 Xa usiya kwiintlanganiso, uza kufumana abahlobo abalungileyo abaza kukunceda ukhonze uYehova. Uza kudibana nabazalwana noodade abahlukahlukeneyo abenza konke abanako ukuze bakhonze uYehova, njengawe. Nabo ke banesono ibe bayezenza iimpazamo. Xa bezenza ezo mpazamo, hlala ukulungele ukubaxolela. (Funda amaKolose 3:13.) Yiba ngumntu osoloko ejonga izinto ezintle kubazalwana noodade, loo nto iza kukunceda ubathande uze usondele kakhulu kuYehova.

UBOMI BENENE

20, 21. Yintoni ‘ubomi benene’?

20 UYehova ufuna bonke abahlobo bakhe baphile obona bomi bumnandi. IBhayibhile isifundisa ukuba kwixesha elizayo siza kuphila ubomi obungafaniyo nobu sibuphilayo namhlanje.

UYehova ufuna uphile ‘ubomi benene.’ Uza kubufumana?

21 Kwixesha elizayo, siza kuphila ngonaphakade, hayi nje iminyaka eyi-70 okanye eyi-80. Siza kuphila ‘ubomi obungunaphakade,’ singaguli, sibe seluxolweni size sihlale kamnandi kumhlaba omhle oyiparadesi. IBhayibhile ithi ‘bubomi benene’ ke obo. UYehova uthembisa ukusinika obu bomi benene, kodwa kufuneka senze konke esinokukwenza ukuze ‘sibufumane.’​—1 Timoti 6:12, 19.

22. (a) ‘Sinokubufumana’ njani ‘ubomi benene’? (b) Kutheni sisithi ukufumana ubomi benene akuxhomekekanga kwizinto esizenzayo?

22 ‘Sinokubufumana’ njani ‘ubomi benene’? Kufuneka ‘senze izinto ezilungileyo’ ibe ‘senze izinto ezininzi ezintle.’ (1 Timoti 6:18) Loo nto ithetha ukuba simele sizenze izinto esizifunda eBhayibhileni. Kodwa ke, ubomi benene abuxhomekekanga kwizinto ezenziwa sithi. Besingenakukwazi ukuvele sibufumane nje ngolo hlobo. Busisipho esivela kuYehova kubakhonzi bakhe abathembekileyo, ibe loo nto ibonise “ububele” bakhe obungasifanelanga. (Roma 5:15) UTata wethu osezulwini ukufuna nyhani ukunika abakhonzi bakhe abathembekileyo esi sipho.

23. Kutheni simele senze izigqibo ezifanelekileyo ngoku?

23 Zibuze, ‘Ngaba uThixo ndimkhonza ngendlela ayifunayo?’ Xa ubona ukuba kukho izinto ekufuneka uzitshintshile, khawuleza uzitshintshe. Xa sithembela ngoYehova size senze yonke into esinokuyenza ukuze simthobele, uza kuba yindawo esinokubalekela kuyo. Uza kubagcina bekhuselekile abantu bakhe abathembekileyo kule mihla yokugqibela kweli hlabathi likhohlakeleyo lilawulwa nguSathana. Emva koko, uYehova uza kuqiniseka ukuba siphila eParadesi ngonaphakade, njengokuba esithembisile. Unokuphila ubomi benene ukuba wenza izigqibo ezifanelekileyo ngoku.