Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 3

Ndinokuthetha Njani Nabazali Bam?

Ndinokuthetha Njani Nabazali Bam?

KUTHENI KUBALULEKILE?

Okukhona uvana nabazali bakho, kokukhona ubomi buya kuba mnandi.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Khawucinge ngoku: Kusebusuku ngoLwesithathu. UGeoff, ona-17, ugqibile ukwenza imisetyenzana yakhe yasekhaya, ngoku uzixelele ukuba uza kukhe aphumle! Ulayita iTV aze athi zava esitulweni sakhe asithandayo.

Kanye ngelo xesha, kuthi gqi utata wakhe emnyango ecaphukile.

“Geoffrey! Kutheni umosha ixesha ngokubukela iTV endaweni yokuba uncedise umninawa wakho kumsebenzi wakhe wesikolo? Awuva!”

UGeoff embombozela ngokuvakalayo uthi, “Uyawaqala ke.”

Esondela kuye uyise uthi, “Uthini?”

Edikiwe uGeoff uthi, “Andithethi tata.”

Enomsindo utata wakhe uyamngxolisa, “Ungakh’ uling’ uthethe nam ngolo hlobo!”

Ukuba ubunguGeoff, ubuza kwenza ntoni ukuze ningaxabani notata wakho?

CINGA!

Ukuthetha nabazali bakho kufana nokuqhuba imoto. Xa ufika indlela ivaliwe usenokuthatha enye.

UMZEKELO:

Intombazana enguLeah ithi: “Kunzima gqitha ukuthetha notata. Ndithi ndithetha naye athi, ‘Uxolo, ubusithini kanene?’”

ULEAH UNOKWENZA ENYE YEZI ZINTO ZINTATHU:

  1. Unokumkhwaza uyise.

    Ethethela phezulu uLeah uthi, “Jonga ibalulekile le nto! Mamela!”

  2. Usenokuyeka ukuthetha noyise.

    ULeah usenokuyeka ukumxelela iingxaki zakhe uyise.

  3. Unokulinda kude kube lixesha elifanelekileyo lokuphinda athethe naye.

    Kamva uLeah uthetha noyise ngqo okanye ambhalele ileta echaza ingxaki yakhe.

Wena ucinga ukuba yiyiphi into amele ayenze uLeah?

KHAWUCINGE NGOKU: Utata kaLeah ikho le nto ayicingayo—akaboni ukuba ikho into ekhathaza intombi yakhe. Ukuba uLeah ukhetha uA, uyise usenokungasiqondi isizathu sokuba athethele phezulu kangaka. Mhlawumbi oku bekungenakumenza uyise ayive into ayithethayo, yaye bekuya kubonisa ukuba akanambeko. (Efe. 6:2) Ngoko oku, akunakumnceda.

Njengoko ukwazi ukuthatha enye indlela xa leyo ubuhamba ngayo ivaliwe, unokukwazi ukufumana enye indlela yokuthetha nabazali bakho

Nangona kusenokuba lula ukukhetha uB, akunakuba bubulumko. Ngoba? Ukuze azicombulule iingxaki zakhe uLeah kufuneka athethe noyise—yaye ukuze amncede, kuza kufuneka ekwazile oko kwenzeka ebomini bentombi yakhe. Ukuthula akuncedi nganto.

Kodwa ke ngokukhetha uC, uLeah akavumeli nantoni na ukuba imenze angakwazi ukuthetha noyise. Kunoko, ukhetha ukuthetha naye ngelinye ixesha. Ukuba ukhetha ukumbhalela ileta angakhawuleza abe bhetele.

Ukubhala ileta kuza kumnceda akhuphe yonke into ebefuna ukumxelela yona. Xa eyifunda, utata kaLeah uya kukuva oko intombi yakhe ibifuna ukukutsho, aze ayiqonde kakuhle into eyikhathazayo. Ngoko ukukhetha uC kuza kunceda uLeah noyise. Enoba uthetha naye ngqo okanye umbhalela ileta, ukukhetha uC kukwenza umyalelo weBhayibhile othi, “masisukele izinto ezisingisa eluxolweni.”—Roma 14:19.

Ziziphi ezinye izinto anokuzenza uLeah?

Cinga ngezinto onokuzenza. Emva koko cinga ngemiphumo.

Thetha Ngendlela Ecacileyo

Khumbula ukuba, izinto ozithethayo zisenokungafani noko abazali bakho bacinga ukuba uyakuthetha.

NGOKOMZEKELO:

Abazali bakho basenokubuza isizathu sokuba uqumbile. Uthi, “Andifuni ukunixelela.”

Kodwa eyona nto bayivayo abazali bakho yile: “Andinakunixelela nto kuba andinithembanga. Ndiza kuxelela iitshomi zam, hayi nina.”

Masithi unengxaki kwaye umzali wakho ufuna ukukunceda. Kodwa uthi: “Ningakhathazeki, ndiza kuyilungisa ngokwam.”

  • Abazali bakho banokuva ngathi uthini?

  • Yiyiphi eyona ndlela ibhetele onokubaphendula ngayo?