Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 5

Ndenze Ntoni Xa Ndintlontwa Esikolweni?

Ndenze Ntoni Xa Ndintlontwa Esikolweni?

KUTHENI KUBALULEKILE?

Into oyenzayo inokwenza izinto zibe bhetele—okanye zibe mbi nangakumbi.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Khawucinge ngoku: UThomas akafuni tu ukuya esikolweni namhlanje, nangomso, futhi akafuni ukuphinda aye nanini na. Le nto yaqala kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo xa abantwana afunda nabo basasaza ubuxoki ngaye. Emva koko bamthiya amagama. Ngamanye amaxesha omnye ebeye agile incwadi ephethwe nguThomas ngabom aze enze ngathi ibiyimpazamo. Ukanti maxa wambi ebeye atyhalwe ngomnye okwiqela elisemva kwakhe aze athi xa ejika efuna ukubona ukuba ngubani angamboni. Izolo oku uye wantlontwa kabuhlungu kakhulu ngokoyikiswa kwi-intanethi . . .

Ukuba ubunguThomas, ubuza kuthini?

CINGA!

Ikho into onokuyenza! Phofu, unokumoyisa umntu okuntlontayo ungakhange umbethe. Njani?

  • SUKUMHOYA. IBhayibhile ithi: “Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile.” (IMizekeliso 29:11) Ukuba uhlala ubonakala uzolile, usenokuphelelwa ngumdla wokukuntlonta.

  • SUKUZIPHINDEZELA. IBhayibhile ithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na.” (Roma 12:17) Ukuba ufuna ukuziphindezela uya kwenza izinto zibe mbi nangakumbi.

  • SUKUZIFAKA ENGXAKINI. IBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Zama kangangoko unokukwazi ukuhambela kude kubantu abanokukufaka engxakini nakwiindawo onokuntlontwa kuzo.

  • YENZA INTO ANGAYILINDELANGA. IBhayibhile ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Unokude uzame ukumhlekisa. Ngokomzekelo, ukuba umntu okuntlontayo uthi usisidudla, mhlawumbi unokusuka uthi, “Unyanisile, kuza kufuneka ndith’ ukwehla neh!”

  • SUK’ UHAMBE. UNora oneminyaka eyi-19 uthi: “Ukuthula kubonisa ukuba ubhadlile kunomntu odlala ngawe. Kubonisa ukuba uyakwazi ukuzibamba, nto leyo angakwaziyo yena ukuyenza.”—2 Timoti 2:24.

  • ZITHEMBE. Abantu abagezayo bayakubona xa ungazithembanga naxa uligwala. Kodwa baye bangakugezeli xa bebona ukuba awuboyiki.

  • XELELA OMNYE UMNTU. Omnye owayengutitshala uthi: “Ndicebisa ukuba eyona nto amele ayenze umntu ogezelwayo kukungakufihli oko. Loo nto inokubangela ukuba kungabi santlontwa omnye umntu.”

Ukuzithemba kukwenza ube namandla angenawo lowo ukuntlontayo