Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 8

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokudlwengulwa?

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokudlwengulwa?

KUTHENI KUBALULEKILE?

Qho ngonyaka kudlwengulwa abantu abaninzi okanye baxhatshazwe ngokwesondo, yaye uhlolisiso lubonisa ukuba awona maxhoba ngabantu abatsha.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Engalindelanga uAnnette wabanjwa waza waphoswa phantsi ngumntu owayemhlasela. Uthi, “Ndawakhupha onke amandla am ndizama ukuphuncuka. Ndazama ukukhwaza kodwa ndasuka ndaphelelwa ngumoya akwaphuma lizwi. Ndamtyhala, ndimkhaba, ndimbetha ngamanqindi ndimkrwempa nokumkrwempa. Kanye ngelo xesha, ndeva imela indihlaba. Ndaphelelwa ngamandla.”

Ukuba ibinguwe lo, ubuza kuthini?

CINGA!

Nakuba usenokuba ulumkile xa uhamba ebusuku—usenokwehlelwa yinto embi. IBhayibhile ithi, ‘Ukukhawuleza asikokwababalekayo, kwanobabalo asilolwabanokwazi; ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’—INtshumayeli 9:11.

NjengoAnnette, abanye abantu abasebatsha baye bahlaselwe ngumntu abangamaziyo. Abanye baye bahlaselwe ngumhlobo okanye umntu abazalana naye. Xa wayeneminyaka elishumi, uNatalie waxhatshazwa ngokwesondo ngumntwana ofikisayo owayehlala kufutshane nakowabo. Uthi, “Kangangendlela endandisoyika nendandineentloni ngayo ndakha ndathi cwaka, andaxelela mntu.”

Awunatyala

UAnnette usaziva enetyala nangoku ngenxa yento eyenzekayo. Uthi: “Ndisoloko ndicinga ngaloo ngokuhlwa. Kuba ngathi andizange ndenze konke okusemandleni am. Emva kokuba ndihlatyiwe, ndoyika kakhulu, ndaphelelwa ngamandla, kodwa ndicinga ukuba ikho into endandinokuyenza.”

NoNatalie usazibeka ityala nangoku. Uthi, “Kwakutheni ukuze ndimthembe kangaka? Abazali babesoloko besixelela ukuba mna nodadewethu masibe kunye xa sidlala phandle, kodwa zange ndimamele. Ndicinga ukuba ndim owabangela ummelwane wam andixhaphaze. Le nto yabakhathaza kakhulu abantu basekhaya, kwaye iba ngathi ndim owabangela ukuba bakhathazeke. Intliziyo yam iba buhlungu xa ndiyicinga.”

Ukuba nawe ukwimeko efana neka-Annette noNatalie, hlala ukhumbula ukuba umntu odlwenguliweyo ulixhoba. Abanye abantu bayenza ingabi yinto embi kangako le kuba besithi abafana banjalo kakade okanye ixhoba belifuna. Nakuba besitsho, akukho mntu ufanele adlwengulwe. Ukuba nawe wakha wakhohlakalelwa ngale ndlela, awunatyala!

Kulula ukufunda igama elithi “awunatyala” kodwa kunzima ukukukholelwa oko. Abanye abayithethi indlela abaziva ngayo ngento eyenzekayo, ngenxa yoko baziva benetyala yaye abazixoleli. Kodwa ngubani kanye kanye oncedakalayo xa uthule—nguwe okanye nguloo mntu? Khawukhe uzame enye indlela.

THETHA NGENTO EKWEHLELEYO

IBhayibhile ithi xa indoda elilungisa uYobhi yayisentlungwini engathethekiyo yathi: “Ndiza kuthetha ngobukrakra bomphefumlo wam!” (Yobhi 10:1) Nawe unokuncedakala xa usenjenjalo. Into enokukunceda ukuze uyamkele into ekwehleleyo uze ube bhetele kukuthetha nomntu omthembileyo.

Indlela oziva ngayo isenokuba ngaphezu kwamandla onawo okuyinyamezela. Kutheni ungaceli uncedo komnye umntu?

UAnnette wakufumanisa kuluncedo oko. Uthi: “Ndathetha nomhlobo wam, waza wandicebisa ukuba ndithethe nabadala bebandla lam. Ndiyavuya ndakwenza oko. Bathetha nam amaxesha ahlukeneyo yaye bandixelela kanye le nto ndandifuna ukuyiva—ukuba andinatyala.

UNatalie waxelela abazali bakhe ukuba uxhatshazwe ngokwesondo. Uthi: “Bandixhasa. Bathi mandithethe ngale nto, baza bandinceda ukuba ndingahlali ndilusizi yaye ndicaphukile.”

UNatalie wathuthuzelwa nakukuthandaza. Uthi: “Ukuthetha noThixo kwandinceda, ingakumbi ngamaxesha endandingakwazi ukuxelela mntu ngale nto. Xa ndithandaza, ndikhupha yonke into esentliziyweni yam. Nditsho ndixole yaye ndizole.”

Nawe uya kufumanisa ukuba likho ‘ixesha lokuphilisa.’ (INtshumayeli 3:3) Yihoye impilo yakho nendlela oziva ngayo. Phumla ngokwaneleyo. Ngaphezu kwayo yonke loo nto, themba uThixo wentuthuzelo yonke, uYehova.—2 Korinte 1:3, 4.

UKUBA SELE UMDALA NGOKWANELEYO UKUBA UNGATHANDANA

Ukuba uyintombazana yaye umntu othandana naye ufuna niziphathe kakubi ngesondo, awenzi nto imbi xa ngesibindi usithi, “Yeka le nt’ uyenzayo!” okanye, “Khawundiyeke.” Sukoyika ukuba uza kukulahla. Ukuba ukulahlela loo nto, ebengakufanelanga kakade! Ufanelwe ngumntu okuthandayo, lowo uhlonipha umzimba wakho nendlela ophila ngayo.

UMDLALO ONGOKUXHATSHAZWA NGOKWESONDO

“Kwisikolo samabanga aphakathi, abafana babedla ngokutsala umva webra yam baze bathethe izinto ezingamanyala—njengokuthi ndingaziva ngcono xa ndinokulala nabo.”—UCoretta.

Ucinga ukuba aba bafana babesenzani?

  1. Babemdlalisa?

  2. Babemncwasile?

  3. Babesenza izimbo ezibonisa ukuba bafuna ukulala naye?

“Omnye umfana endandikhwele naye ibhasi waqalisa ukuthetha izinto ezingcolileyo kum waza wandibamba. Ndabetha eso sandla ndaza ndamxelel’ ukuba ohlukane nam. Wandijonga ngokungathi uthi ndiligeza.”—UCandice.

Ucinga ukuba lo mfana wayemenzani uCandice?

  1. Wayemdlalisa?

  2. Wayemncwasile?

  3. Wayesenza izimbo ezibonisa ukuba ufuna ukulala naye?

“Kulo nyaka uphelileyo omnye umfana wayemane endixelela ukuba uyandithanda kwaye ufuna ukundikhupha, nangona ndandisoloko ndimxelela ukuba andimfuni. Ngamanye amaxesha wayede andiphulule engalweni. Ndandimxelela ukuba makandiyeke, kodwa angafuni. Enye into awayenzayo kukundibhantsa ezimpundu ngoxa ndandisabopha imitya yezihlangu zam.”—UBethany.

Xa ucinga, ngaba lo mfana:

  1. Wayemdlalisa?

  2. Wayemncwasile?

  3. Wayesenza izimbo ezibonisa ukuba ufuna ukulala naye?

Impendulo echanileyo nguC.

Yintoni ebangela ukuba izimbo ezibonisa ukuba umntu ufuna ukulala nawe zahluke ekudlaliseni nasekuncwaseni?

Izimbo ezibonisa ukuba umntu ufuna ukulala nomnye ziba cala-nye. Le nto uyenza naxa lowo afuna ukulala naye emxelela ukuba makayeke le nto ayenzayo.

Le asinto imele ithathwe lula. Inokubangela ukuba umntu axhatshazwe ngokwesondo.