Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 2

UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala

UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala

UYehova watyala igadi endaweni ebizwa ngokuba yiEden. Kuloo gadi kwakukho iintyatyambo, imithi nezilwanyana ezininzi. Emva koko wadala umntu wokuqala, uAdam, waza wamphefumlela ezimpumlweni. Uyazi ukuba kwenzeka ntoni emva koko? Loo mntu waphila! UYehova wathi uAdam makalungise loo gadi aze athiye izilwanyana amagama.

UYehova wanika uAdam umthetho. Wathi: ‘Ungatya iziqhamo zayo yonke imithi ngaphandle kwezomthi omnye. Ukuba utye esaloo mthi, uza kufa.’

Emva koko uYehova wathi: ‘UAdam ndiza kumenzela umntu oza kumnceda.’ Wamenza walala ubuthongo, waza wathatha enye yeembambo zakhe wamenzela umfazi. Igama laloo mfazi lalinguEva. UAdam noEva baba ngabantu bokuqala abatshatayo. Wathini uAdam xa wayeqala ukubona umfazi wakhe? Wavuya kakhulu wade wathi: ‘Khawubone umntu uYehova amenze ngenye yeembambo zam! Ekugqibeleni! Lo ngumntu ofana nam.’

UYehova wathi uAdam noEva mababe nabantwana abaza kuhlala kuwo wonke umhlaba. Wayefuna basebenze kunye bonwabile, benze umhlaba wonke ube yiparadesi, okanye ipaki entle efana negadi yase-Eden. Kodwa zange yenzeke loo nto. Kwakutheni? Siza kuva kwisahluko esilandelayo.

“Lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa.”—Mateyu 19:4