Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 3

UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo

UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo

Ngenye imini uEva wayehleli yedwa kwaza kwafika inyoka yathetha naye. Yathi: ‘Yinyani ukuba uThixo akafuni nitye kuyo yonke le mithi?’ UEva wathi: ‘Khange atsho, kodwa uthe mnye kuphela umthi esimele singatyi kuwo. Ukuba siye satya kuwo, siza kufa.’ Inyoka yathi: ‘Anizukufa. Ukuba niye natya kuwo, niza kufana noThixo.’ Yayinyanisile? Yayixoka. Kodwa uEva wacinga ukuba inyanisile. Qho ejonga isiqhamo saloo mthi, wayesirhalela. Wasitya, waza wanika noAdam. UAdam wayesazi ukuba xa bengamthobeli uThixo baza kufa, kodwa wasitya eso siqhamo.

Kwangaloo mini uYehova wathetha noAdam noEva. Wababuza ukuba kutheni bengammamelanga. UEva watyhola inyoka, yena uAdam watyhola uEva. Ngenxa yokuba bengazange bammamele, uYehova wabagxotha kuloo gadi wayebabeke kuyo. Ukuze bangabuyeli kuyo, wabeka iingelosi nekrele kwindawo ekungenwa kuyo.

UYehova wathi uza kohlwaya nomntu oqhathe uEva. Yayingeyonyoka le yayithetha noEva. UYehova wayengazenzanga zakwazi ukuthetha iinyoka. Yayiyingelosi ekhohlakeleyo eyayisenza inyoka ithethe. Yayifuna ukuqhatha uEva. Loo ngelosi nguSathana uMtyholi. Kwixesha elizayo, uYehova uza kumbulala uSathana ukuze angaphindi aqhathe abantu benze izinto ezimbi.

“UMtyholi . . . wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni, yaye akemi enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuye.”—Yohane 8:44