Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 4

Umsindo Wambangela Wabulala

Umsindo Wambangela Wabulala

Emva kokuba uAdam noEva bemkile egadini yase-Eden, baba nabantwana abaninzi. Unyana wabo wokuqala, uKayin waba ngumfama, waza yena owesibini, uAbheli waba ngumalusi.

Ngenye imini uKayin noAbheli benzela uYehova imibingelelo. Uyawazi umbingelelo? Sisipho esikhethekileyo. UYehova wawuthanda umbingelelo ka-Abheli, kodwa akazange awuthande okaKayin. Yamcaphukisa kakhulu loo nto uKayin. UYehova wamxelela ukuba loo msindo wakhe unokumenza enze into embi. Kodwa akazange ammamele.

UKayin wasuka wathi kuAbheli: ‘Masiye ethafeni.’ Bebodwa apho, uKayin wambetha wambulala umntakwabo. Wayeza kuthini uYehova ngale nto? Wamgxotha uKayin kowabo. Akazange aphinde amvumele abuye.

Kusifundisa ntoni thina oku? Sinokuba nomsindo xa izinto zingahambi ngendlela ebesifuna zihambe ngayo. Xa kusenzeka loo nto, okanye xa abanye bezama ukusinqanda, simele sikhawuleze sizilungise size siyeke ukuba nomsindo ungekasibhidi.

UAbheli wayemthanda kakhulu uYehova yaye esoloko esenza izinto ezilungileyo, ngoko uYehova uza kusoloko emkhumbula. Uza kumvusa xa elungisa umhlaba ewenza iparadesi.

‘Hamba uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.’—Mateyu 5:24