Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 5

Umkhombe KaNowa

Umkhombe KaNowa

Ekuhambeni kwexesha, kwaye kwabakho abantu abaninzi emhlabeni. Abaninzi babesenza izinto ezimbi. Kwanasezulwini, ezinye iingelosi zaye zenza izinto ezimbi. Zemka ezulwini zeza emhlabeni. Uyayazi ukuba zazifuna ntoni emhlabeni? Zazifuna ukuba ngabantu zize zitshate.

Ezi ngelosi kunye nabafazi bazo zaba noonyana. Abo nyana bakhula bazizigantsontso ezibaphatha kakubi abantu. UYehova wayengayithandi loo nto. Ngoko wababulala bonke aba bantu benza izinto ezimbi ngemvula enkulu ebizwa ngokuba nguNogumbe.

Kwakukho umntu owayengafani nabo bantu, yena wayemthanda uYehova. Igama lakhe yayinguNowa. Wayenomfazi noonyana abathathu, uShem, uHam noYafete, ibe noonyana bakhe babenabafazi. UYehova wathi kuNowa makakhe umkhombe omkhulu, ukuze yena nentsapho yakhe basinde kuloo mvula inkulu. Umkhombe yibhokisi enkulu engatshoniyo emanzini. Waphinda wamxelela ukuba afake izilwanyana kulo mkhombe ukuze nazo zisinde.

UNowa wakhawuleza waqalisa ukwakha umkhombe. Wawakha nentsapho yakhe iminyaka ephantse ibe yi-50. Bawakha kanye ngale ndlela uYehova wayethe mabawakhe ngayo. Ngelo xesha, uNowa wayebaxelela nabanye abantu ngale mvula inkulu. Kodwa akukho nomnye umntu owammamelayo.

Ekugqibeleni, kwade kwathiwa makungenwe emkhombeni. Masive ukuba kwenzeka ntoni emva koko.

“Njengokuba yayinjalo imihla kaNowa, buya kuba njalo ubukho boNyana womntu.”—Mateyu 24:37