Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 7

Inqaba YaseBhabheli

Inqaba YaseBhabheli

Emva kokuyeka koNogumbe, oonyana bakaNowa nabafazi babo baba nabantwana. Abo bantwana baba baninzi baza bathi saa kuwo wonke umhlaba, njengokuba uYehova wayetshilo.

Abanye babo abazange bammamele uYehova. Bathi: ‘Masakhe isixeko size sihlale kuso. Siza kwenza inqaba ende kakhulu efika ezulwini, size saziwe ngaloo nto.’

UYehova akazange ayithande loo nto, waza wabayekisa ukwakha. Uyazi ukuba wabayekisa njani? Wabenza bazibona sebethetha iilwimi ezingafaniyo. Ekubeni babengavani, bayeka ukwakha. Loo ndawo babeyakha yabizwa ngokuba yiBhabheli, igama elithetha “Isiphithiphithi.” Abantu bemka apho baza bahlala kuwo wonke umhlaba. Zange bayeke ukwenza izinto ezimbi nakwezo ndawo babehlala kuzo. Ngaba bakho ababethanda uYehova kwabo bantu? Siza kuva kwisahluko esilandelayo.

“Wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa, kodwa lowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”—Luka 18:14