Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 9

Bade Banonyana!

Bade Banonyana!

UAbraham noSara babesele benexesha elide betshatile. Babelishiyile ikhaya labo elihle eUre, yaye ngoku babehlala ezintenteni. Kodwa uSara wayengakhalazi kuba wayemthembile uYehova.

USara wayemfuna nyhani umntwana, wada wathi kuAbraham: ‘Ukuba nje isicakakazi sam uHagare singanomntwana, kungafana nokuba ngowam.’ Ekuhambeni kwexesha, uHagare waba nonyana. Igama lakhe yayinguIshmayeli.

Kwathi sekudlule iminyaka emininzi, uAbraham ena-99 noSara ena-89, bafikelwa ziindwendwe ezintathu. UAbraham wathi maziphumle phantsi komthi zize zitye kunye naye. Uyazazi ukuba zazingoobani ezo ndwendwe? Ziingelosi! Zathi kuAbraham: ‘Kulo nyaka uzayo, wena nomfazi wakho niza kuba nonyana.’ USara wayemamele esententeni. Wasuka wahleka ecinga oku: ‘Ndimdala kangaka ndinganomntwana?’

Nyhani ke uSara wazala unyana kanye ngaloo nyaka yayimthembise ngawo ingelosi. UAbraham wamthiya igama elinguIsake, elithetha ‘Ukuhleka.’

Xa uIsake wayeneminyaka ephantse ibe mihlanu, uSara wabona uIshmayeli emntlonta. Yayimkhathaza le nto, ngoko wathi kuAbraham makamgxothe uHagare noIshmayeli. UAbraham waqala akavuma. Kodwa uYehova wathi kuAbraham: ‘Mmamele uSara. Ndiza kumhoya uIshmayeli. Kodwa izithembiso zam ndiza kuzenza ngoIsake.’

“Ngokholo noSara ngokwakhe wafumana amandla okukhawula imbewu, . . . ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wayethembisile.”—Hebhere 11:11