Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Khumbulani UmkaLote

Khumbulani UmkaLote

ULote wayehlala nomalume wakhe uAbraham, eKanan. Bobabini baba nemfuyo eninzi kangangokuba indawo ababehlala kuyo yayincinci. UAbraham wathi kuLote: ‘Asisenakukwazi ukuhlala kunye. Wena khetha indawo ofuna ukuhlala kuyo, mna ndiya kuhlala kuleyo ungayikhethanga.’ La mazwi ka-Abraham ayebonisa ukuba akacingeli isiqu sakhe, andithi?

ULote wabona indawo eyayinomhlaba omhle ngakwidolophu iSodom. Kwakukho amanzi amaninzi nengca eluhlaza apho. Wakhetha loo ndawo waza waya kuhlala kuyo nentsapho yakhe.

Abantu ababehlala eSodom nakwenye idolophu enkulu ekufuphi, iGomora, babengalunganga kangangokuba uYehova wathi uza kuzitshabalalisa ezo dolophu. Kodwa wayefuna ukusindisa uLote nentsapho yakhe. Ngoko wathumela iingelosi ezimbini ukuba ziye kuxelela uLote, zafika zathi kuye: ‘Khawuleza uhambe kule dolophu! UYehova uza kuyitshabalalisa.’

ULote wakhe walibazisa, akahamba ngoko nangoko. Kwade kwafuneka bathathwe ziingelosi, yena, umfazi wakhe neentombi zakhe, zibabalekise kuloo dolophu. Zathi: ‘Balekani, ukuze ningafi, ningajongi nangasemva. Ukuba niye najonga ngemva, niza kufa!’

Bathi xa befika kwidolophu ebizwa ngokuba yiTsoware, uYehova wehlisa umlilo nesalfure eSodom naseGomora, zaza zatshabalala ezo dolophu. Umfazi kaLote akazange ammamele uYehova, wajonga ngasemva, waza wajika wayityuwa! Yena uLote neentombi zakhe zange benzeke nto kuba bammamela. Inoba yabakhathaza kakhulu into yokuba umfazi kaLote engazange ammamele uYehova. Kodwa babevuyiswa kukuba bona bayenza into uYehova awayethe mabayenze.

“Khumbulani umkaLote.”—Luka 17:32