Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 11

Kuvavanywa Ukholo

Kuvavanywa Ukholo

UAbraham wafundisa unyana wakhe uIsake ukuba athande uYehova aze azithembe zonke izinto azithethileyo. Xa uIsake wayeneminyaka eyi-25, uYehova wacela uAbraham ukuba enze into ekwakuza kuba nzima nyhani ukuyenza. Yayiyintoni leyo?

UThixo wathi kuAbraham: ‘Ndicela uthathe unyana wakho okuphela kwakhe uye kubingelela ngaye kwintaba iMoriya.’ UAbraham wayengazi ukuba kutheni uYehova ecela ukuba enze loo nto. Kodwa wazixelela ukuba uza kuyenza.

Ngemini elandelayo, uAbraham wavuka ekuseni kakhulu, wahamba noIsake nabantu ababini ababemsebenzela baya eMoriya. Emva kweentsuku ezintathu besendleleni, bayibona besekude loo ntaba. UAbraham wathi abasebenzi bakhe mabalinde ngoxa yena noIsake beye kubingelela. Wanika uIsake iinkuni, yena waphatha imela. UIsake wabuza utata wakhe: ‘Tata, siphi isilwanyana esiza kubingelela ngaso?’ UAbraham wathi: ‘UYehova uza kusinika nyana.’

Bakufika entabeni, bakha isibingelelo. UAbraham wabopha izandla neenyawo zikaIsake waza wambeka phezu kwesibingelelo.

Wathi xa ephakamisa imela, weva ilizwi lengelosi kaYehova esezulwini lisithi: ‘Abraham! Ungamenzakalisi umfana! Ngoku ndiyazi ukuba umthembile uThixo kuba khange wale ukubingelela ngonyana wakho.’ Kusenjalo, uAbraham wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Wakhawuleza wamkhulula uIsake waza wabingelela ngaloo gusha.

Ukususela ngaloo mini, uYehova wathi uAbraham ngumhlobo wakhe. Uyazi ukuba kwakutheni? UAbraham wayesenza nantoni na eyayifunwa nguYehova nokuba wayengasiqondi isizathu sokuba athi makayenze.

UYehova waphinda waxelela uAbraham ngento awayemthembise ngayo: ‘Ndiya kukusikelela, ndikwenze ube nabantwana abaninzi.’ Le nto yayithetha ukuba uYehova wayeza kubasikelela bonke abantu abalungileyo esebenzisa intsapho ka-Abraham.

“Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16