Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 12

UYakobi Walifumana Ilifa

UYakobi Walifumana Ilifa

UIsake watshata noRebheka eneminyaka eyi-40. Wayemthanda kakhulu uRebheka. Baba namawele angamakhwenkwe.

Elidala yayinguEsawu, elincinane inguYakobi. UEsawu wayethanda ukusoloko esendle ezingela. Yena uYakobi wayethanda ukusoloko esekhaya.

Ngezo mini, unyana omdala wayefumana owona mhlaba mkhulu nemali xa kufe utat’ akhe. Kuthiwa lilifa ke elo. Kwintsapho yakuloIsake, ilifa lalithetha nokuba yinxalenye yezinye zezithembiso uYehova awayezenze noAbraham. UEsawu wayengenamsebenzi nezo zinto zazithenjisiwe, kodwa zazibaluleke kakhulu kuYakobi.

Ngeny’ imini, uEsawu wafika ekhaya ediniwe ngenxa yokuba yaphela loo mini ezingela. Weva ivumba elimnandi lokutya okwakuphekwa nguYakobi waza wathi: ‘Ndilambile! Khawundiphe eso sityu sibomvu usiphekayo!’ UYakobi wathi: ‘Ndiza kukupha, kodwa kuqala ndinike ilifa lakho.’ UEsawu wathi: ‘Andinamsebenzi nelifa lam! Lithathe. Into endiyifunayo kukutya.’ Ucinga ukuba yayibubulumko obo? Yayingabhadlanga loo nto. UEsawu wanikisa ngento eyayibaluleke kakhulu ngenxa yesitya sesityu.

Xa uIsake wayengutatomkhulu, kwafuneka asikelele unyana omdala. Kodwa uRebheka wanceda unyana wakhe omncinci, uYakobi, ukuba zifunyanwe nguye ezo ntsikelelo. Akuva loo nto uEsawu, wacaphuka kakhulu waza wazama ukulibulala iwele lakhe. Befuna ukuba unyana wabo uYakobi angabulawa, uIsake noRebheka bathi kuye: ‘Hamba uye kuhlala nomalume wakho uLabhan, ade ayeke ukucaphuka uEsawu.’ UYakobi wabamamela abazali bakhe, wabaleka.

“Kunayiphi na ingenelo ngomntu ukuzuza ihlabathi liphela aze aphulukane nomphefumlo wakhe? Anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?”—Marko 8:36, 37