Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 14

Ikhoboka Elalithobela UThixo

Ikhoboka Elalithobela UThixo

UYosefu wayengomnye woonyana abancinane bakaYakobi. Abakhuluwa bakhe babona ukuba wayeyintandane kayise. Ucinga ukuba yabaphatha njani loo nto? Bammonela baza bamcaphukela. Xa uYosefu waphupha izinto ezingaqhelekanga, waxelela abantakwabo. Bacinga ukuba kwakuza kufuneka baqubude kuye. Bamcaphukela nangakumbi!

Ngeny’ imini abantakwabo babesalusa kufuphi naseShekem. UYakobi wathumela uYosefu ukuba aye kubakhangela. Bambona esekude baza bathi: ‘Nankuya esiza laa mphuphi. Masimbulale!’ Bambamba bamphosa emhadini. Kodwa omnye wabantakwabo, uYuda, wathi: ‘Ningambulali! Masimthengise njengekhoboka.’ Ngoko bamthengisa koosomashishini bakwaMidiyan ababesiya eYiputa ngamaqhosha esilivere ayi-20.

Emva koko, bathabatha isambatho sakhe basifaka egazini baza basithumela kuYakobi, bathi: ‘Ayisosambatho sonyana wakho esi?’ UYakobi wacinga ukuba ubulewe lirhamncwa. Intliziyo yakhe yaba buhlungu. Wayengathuthuzeleki.

EYiputa uYosefu wathengiswa njengekhoboka kwigosa elalibizwa ngokuba nguPotifare. Kodwa uYehova waba naye. UPotifare wabona ukuba uYosefu wayewenza kakuhle umsebenzi wakhe kwaye wayenokuthenjwa. Kungekudala emva koko wathi zonke izinto awayenazo mazibe phantsi kwakhe.

Umfazi kaPotifare wabona ukuba uYosefu wayeyinzwana eyomeleleyo. Yonk’ imihla wayecela ukuba alale naye. Wayeza kuthini ke uYosefu? Wala waza wathi: ‘Asoze ndiyenze loo nto. Inkosi yam indithembile futhi wena ungumfazi wayo. Ukuba ndilala nawe, ndiya kona uThixo!’

Ngeny’ imini umfazi kaPotifare wazama ukumnyanzela ukuba alale naye. Wamtsala ngento awayeyinxibile kodwa wabaleka. Xa efika uPotifare, wathi uYosefu ebefuna ukulala naye. Wayexoka. UPotifare waba nomsindo waza wamphosa entolongweni. Kodwa uYehova akazange amlibale uYosefu.

“Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo.”—1 Petros 5:6