Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 16

Wayengubani UYobhi?

Wayengubani UYobhi?

Kwilizwe laseUtse kwakukho indoda eyayinqula uYehova. Igama layo yayinguYobhi. Yayisisinhanha esasinentsapho enkulu. Yayinobubele, inceda abantu abahluphekileyo, abahlolokazi neenkedama. Kodwa ekubeni yayisenza izinto ezilungileyo, ngaba yona zange ibe neengxaki?

UYobhi wayengazi ukuba uSathana uMtyholi umjongile. UYehova wathi kuSathana: ‘Umqaphele umkhonzi wam uYobhi? Akukho mntu ufana naye emhlabeni. Uyandimamela kwaye wenza izinto ezilungileyo.’ USathana wathi: ‘Unyanisile, uYobhi uyakuthobela. Uyamkhusela kwaye uyamsikelela. Umnika umhlaba nezilwanyana. Khawuzithathe zonke ezi zinto, ubone ukuba akayi kuyeka na ukukukhonza.’ UYehova wathi: ‘Ungamvavanya, kodwa ungambulali.’ Kwakutheni ukuze uYehova avumele uSathana ukuba avavanye uYobhi? Wayeqinisekile ukuba uYobhi akasoze ayeke ukumkhonza.

Emva koko uSathana wamvavanya ngezinto ezibuhlungu ezininzi. Waqala wathumela amaShebha ukuba aye kuba iinkomo needonki zikaYobhi. Emva koko yangumlilo owabulala zonke iigusha zakhe. Kwafika amaKhaledi ambela iinkamela. Abantu ababesalusa ezi zilwanyana babulawa. Esajonge leyo, kwenzeka eyona nto yakha yabuhlungu. Abantwana bakhe badilikelwa yindlu ababenetheko kuyo baza bafela apho bonke. Intliziyo yakhe yaba buhlungu kakhulu, kodwa akazange ayeke ukukhonza uYehova.

USathana wayesafuna ukumvisa iintlungu ezingakumbi uYobhi. Wamenza wanezilonda umzimba wonke, wayegcuma ziintlungu. Wayengasazi isizathu sokuba ehlelwe zezi zinto. Nangoku, akazange ayeke ukumnqula uYehova. UThixo wayeyibona yonke le nto, kwaye waya emthanda ngakumbi uYobhi.

USathana waphinda wathumela amadoda amathathu ukuba aye kumvavanya. Athi kuye: ‘Inoba umonile uThixo waza wayifihla loo nto. Ngoku uyakohlwaya.’ UYobhi wathi: ‘Andenzanga nto imbi.’ Ngoku wayecinga ukuba nguYehova lo umfaka kwezi ngxaki, waza wathi uThixo akenzi ngobulungisa.

Umfana ogama linguElihu wayethe cwaka emamele la madoda. Emva kwexesha wathi: ‘Nithethe izinto ezingekhoyo. UYehova mkhulu kunokuba sisazi. Akasoze enze nantoni na engendawo. Ubona yonke into aze ancede abantu abaneengxaki.’

UYehova wathetha noYobhi esithi: ‘Wawuphi xa ndandidala izulu nomhlaba? Kutheni usithi andenzi ngobulungisa? Uthetha njee, awusazi nesizathu sokuba wehlelwe zezi zinto.’ UYobhi wavuma esithi: ‘Ndiphazamile. Bendisiva kuthethwa ngawe, kodwa ngoku ndiyakwazi. Akukho nto ikuxakayo. Ndicela uxolo ngezinto endizithethileyo.’

Emva kokuba uSathana eyekile ukumvavanya uYobhi, uYehova wamphilisa waza wamnika izinto ezininzi kunawayenazo ngaphambili. UYobhi waphila ixesha elide, onwabile. UYehova wamsikelela uYobhi ngokummamela nakuba wayesebunzimeni. Ngaba nawe uya kuba njengoYobhi, ungayeki ukunqula uYehova nokuba sekukubi kangakanani na?

“Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo.”—Yakobi 5:11