Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 17

UMoses Wakhetha Ukunqula UYehova

UMoses Wakhetha Ukunqula UYehova

EYiputa intsapho kaYakobi yayisaziwa ngokuba ngamaSirayeli. Emva kokuba uYakobi noYosefu befile, kwalawula omnye uFaro. Wayesoyika ukuba amaSirayeli aya esiba namandla kunamaYiputa. Wawenza amakhoboka amaSirayeli. Wawanyanzela ukuba enze izitena aze asebenze nzima emasimini. Ngokuya esetyenziswa nzima ngamaYiputa, ayesiba maninzi. UFaro wayengayithandi le nto, ngoko wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abazelwe kuqala kumakhaya awo. Unokuyicinga indlela amele ukuba ayesoyika ngayo.

Ibhinqa lomSirayeli elalinguYokebhede laba nomntwana omhle oyinkwenkwe. Ukuze limkhusele, lamfaka kwibhaskithi laza lamfihla kwiingcongolo zoMlambo UmNayile. Usisi walo mntwana, uMiriyam, wahlala kufuphi naye, efuna ukubona ukuba kuza kwenzeka ntoni.

Intombi kaFaro yayizokuhlamba kuloo mlambo, yabona ibhaskithi. Xa iyivula yabona umntwana elila, yamsizela. UMiriyam wabuza: ‘Ndingayokufunela umntu oza kukugcinela lo mntwana?’ Intombi kaFaro yavuma, waza uMiriyam weza nomama wakhe, uYokebhede. Intombi kaFaro yathi: ‘Ndigcinele lo mntwana, ndiza kukubhatala.’

Yakukhula le nkwenkwe, uYokebhede wayibuyisela kwintombi kaFaro, eyamthiya igama elinguMoses yaza yamkhulisa njengonyana wayo. Yakhula njengenkosana, ibe yayinokufumana nantoni na eyifunayo. Kodwa zange imlibale uYehova. Yayisazi ukuba yayingumSirayeli, ayingomYiputa. Yakhetha ukukhonza uYehova.

Xa wayeneminyaka eyi-40, uMoses wazixelela ukuba uza kunceda abantu bakowabo. Xa wabona umYiputa ebetha ikhoboka elingumSirayeli, walibetha walibulala. Wafihla umzimba walo esantini. Xa yafika ezindlebeni zikaFaro loo nto, wafuna ukumbulala. UMoses wabalekela kwaMidiyan. UYehova waba kunye naye kwelo lizwe.

“Ngokholo uMoses, xa wayekhulile, wala ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro, enyula ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo.”—Hebhere 11:24, 25