Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 18

Ityholo Elivuthayo

Ityholo Elivuthayo

UMoses wahlala iminyaka eyi-40 kwaMidiyan. Watshata, wanabantwana. Ngeny’ imini xa wayesalusa iigusha zakhe kufuphi neNtaba ISinayi, wabona into eyammangalisayo. Ityholo elinameva lalivutha kodwa lingade liphele! Wathi xa esondela efuna ukuqonda ukuba kutheni lingade liphele, weva ilizwi liphuma kwelo tyholo lisithi: ‘Moses! Ungasondeli apha. Khulula iimbadada zakho kuba loo mhlaba umi kuwo ungcwele.’ YayinguYehova owayethetha noMoses esebenzisa ingelosi.

UMoses woyika waza wazigquma ubuso. Ilizwi lathi: ‘Ndiyibonile intlungu akuyo amaSirayeli. Ndiza kuwasindisa kumaYiputa ndize ndiwanike ilizwe elihle. Nguwe oya kubakhupha abantu bam eYiputa.’ Inoba yamothusa loo nto uMoses.

UMoses wabuza: ‘Ndithini xa abantu bendibuza ukuba ndithunywe ngubani?’ UThixo wathi: ‘Baxelele ukuba uthunywe nguYehova uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ UMoses wathi: ‘Ndithini ukuba abandimameli?’ UYehova wamnika ubungqina bokuba wayeza kumnceda. Wathi makaphose intonga yakhe emhlabeni. Wayiphosa, yaza yajika yaba yinyoka! UMoses wayibamba emsileni, yaphinda yayintonga. UYehova wathi: ‘Lo mqondiso uya kwenza abantu bazi ukuba uthunywe ndim.’

UMoses wathi: ‘Andilociko.’ UYehova wamthembisa esithi: ‘Ndiza kukuxelela into omawuyithethe, kwaye ndiza kuthumela umntakwenu uAron ukuba akuncede.’ Esazi ukuba uYehova unaye, wahamba nomfazi wakhe kunye noonyana babo babuyela eYiputa.

“Ningaxhaleli ukuba niya kuthetha njani na okanye ntoni na; kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into eniya kuyithetha.”—Mateyu 10:19