Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 19

Izibetho Ezintathu Zokuqala

Izibetho Ezintathu Zokuqala

AmaSirayeli ayenyanzelwa ukuba asebenze nzima njengamakhoboka. UYehova waxelela uMoses noAron ukuba base lo myalezo kuFaro: ‘Bayeke abantu bam bahambe, ukuze baye kundikhonza entlango.’ Ngekratshi uFaro waphendula wathi: ‘Andinamsebenzi noko kuthethwa nguYehova ibe andiyi kumyeka ahambe uSirayeli.’ Emva koko wabanyanzela ukuba basebenze nzima nangakumbi. UYehova wayeza kumfundisa isifundo. Wakwenza njani oko? Wabetha iYiputa ngeZibetho Ezilishumi. UYehova wathi kuMoses: ‘UFaro akandiphulaphuli. Ekuseni, uza kube ekuMlambo UmNayile. Yiya kuye uze umxelele ukuba ngenxa yokuba engabavumelanga abantu bam ukuba bahambe, amanzi omNayile aza kuba ligazi.’ UMoses wathobela waza waya kuFaro. UFaro wayebukele njengoko uAron ebetha umNayile ngentonga yakhe aza loo manzi aba ligazi. Umlambo wanuka, iintlanzi zafa, engaseleki nokuseleka loo manzi. Sekunjalo, uFaro akazange awakhulule amaSirayeli.

Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, uYehova wathi kuMoses makaphinde aye kuFaro aze athi: ‘Ukuba akuvumi ukubakhulula abantu bam, iYiputa iya kuzala ngamasele.’ UAron waphakamisa intonga yakhe kwaza kwakho amasele kuyo yonke indawo kwelo lizwe. Ayesezindlwini, ezibhedini zabantu nakwizitya zabo. UFaro wathi kuMoses makancede acele uYehova ukuba aphelise esi sibetho. Wade wathembisa nokuba uza kuwakhulula amaSirayeli. UYehova wasiphelisa isibetho kwaza kwafuneka amaYiputa aqokelele ezo mfumba zamasele. Ilizwe lanuka. Nalapho, uFaro akazange avume ukubakhulula abantu.

UYehova wathi kuMoses: ‘UAron makabethe uthuli lomhlaba ngentonga yakhe yaye luya kujika lube ziimbuzane.’ Iimbuzane zabakho kulo lonke ilizwe. Abanye kubantu bakaFaro bathi kuye: ‘Esi sibetho sivela kuThixo.’ Sekunjalo, uFaro akazange avume ukuba amaSirayeli ahambe.

“Ngoko ke yabona, ndiyabazisa; ngeli xesha ndiya kubazisa isandla sam namandla am, yaye kuya kufuneka bazi ukuba igama lam nguYehova.”—Yeremiya 16:21