Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 21

Isibetho Seshumi

Isibetho Seshumi

UMoses wathembisa uFaro ukuba akazi kuphinda aze kuye. Kodwa ngaphambi kokuba amshiye wathi: ‘Ezinzulwini zobusuku, onke amazibulo aseYiputa, unyana kaFaro noonyana bamakhoboka, aza kufa.’

UYehova wathi kumaSirayeli makazenzele isidlo esikhethekileyo. Wathi: ‘Ngamnye makabulale inkunzi yegusha okanye eyebhokhwe enonyaka izelwe, aze aqabe igazi layo kumphezulu womnyango. Yoseni loo nyama nize niyitye ngezonka ezingenagwele. Ninxibe neembadada ezinyaweni zenu, nilungele ukuhamba. Ngobu busuku ndiza kunikhulula eYiputa.’ Inoba ayevuya nyhani amaSirayeli!

Ezinzulwini zobusuku ingelosi kaYehova yaya kwindlu nganye yaseYiputa. Kwizindlu ezazingaqatywanga gazi kumphezulu womnyango, amazibulo afa. Kodwa kwezo zaziqatywe igazi, ingelosi yadlula nje. Zonke iintsapho zamaYiputa, ezizizityebi nezihlwempuzekileyo, zafelwa ngabantwana. Kodwa akukho nomnye umntwana womSirayeli owafayo.

Kwafa nonyana kaFaro. Ngoku zaphela tu iinkani kuFaro. Engachithanga xesha wathi kuMoses noAron: ‘Sukani. Phumani niphele apha. Hambani niye kunqula uThixo wenu. Nihambe nemfuyo yenu!’

AmaSirayeli aphuma ngobusuku eYiputa inyanga iqaqambile, iziintsapho nezizwana zawo. Kwaphuma amadoda, abafazi nabantwana abayi-600 000. Nenkitha yabanye abantu yahamba nawo ukuze iye kunqula uYehova. Ekugqibeleni amaSirayeli akhululeka!

Ukuze akhumbule indlela uYehova awawasindisa ngayo, nyaka ngamnye ayeza kwenza isidlo esikhethekileyo esifana neso ayeyalelwe ukuba asenze. Sasibizwa ngokuba yiPasika.

“Ndikuyekile ukuba uhlale, ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, nokuze igama lam livakaliswe kuwo wonke umhlaba.”—Roma 9:17