Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 23

Bathembisa UYehova

Bathembisa UYehova

Malunga neenyanga ezimbini elishiyile ilizwe laseYiputa, amaSirayeli afika kwiNtaba YeSinayi agxumeka iintente zawo. UYehova wabizela uMoses kwincopho yaloo ntaba waza wathi: ‘Ndiwasindisile amaSirayeli. Ukuba ayayithobela imithetho yam, aya kuba ngabantu bam abakhethekileyo.’ UMoses wehla wabuyela ebantwini waza wabaxelela oko kuthethwe nguYehova. Bathini? Bathi: ‘Sakwenza konke uYehova akuthethileyo.’

UMoses waphindela kwincopho yentaba. Apho uYehova wathi: ‘Kwiintsuku ezintathu ndiza kuthetha nawe. Balumkise abantu ukuba bangenyuki.’ UMoses waya kubaxelela ukuba balungele ukumamela uYehova.

Ngosuku lwesithathu, amaSirayeli abona umbane nelifu elimnyama entabeni. Ava izulu ligqekreza nengxolo yexilongo. UYehova wehlela entabeni esemlilweni. AmaSirayeli ayengcangcazela kukoyika. Intaba yonke yayinyikima kakhulu kwaye yayigqunywe ngumsi. Ingxolo yexilongo yaya ivakala ngokuvakala. UThixo wathi: ‘NdinguYehova. Nize ninganquli abanye oothixo.’

UMoses wabuyela encotsheni yentaba, waza uYehova wamnika imithetho yendlela abantu ababemele bamnqule baze baziphathe ngayo. Wayibhala phantsi loo mithetho waza wabafundela yona. Bathembisa uThixo besithi: ‘Siza kwenza konke uYehova akuthethileyo.’ Kodwa babeza kusigcina eso sithembiso?

“Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.”—Mateyu 22:37