Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 25

Umnquba Abaza Kunqula Kuwo

Umnquba Abaza Kunqula Kuwo

Ngoxa uMoses wayekwincopho yeNtaba YeSinayi, uYehova wamxelela ukuba akhe intente ekhethekileyo ekuthiwa ngumnquba, apho amaSirayeli ayeza kunqula khona. Kwakufuneka akwazi ukuhamba nayo.

UYehova wathi: ‘Xelela abantu banikele ngezinto abanazo kuze kwakhiwe umnquba.’ AmaSirayeli anikela ngegolide, isilivere, ubhedu, amatye axabisekileyo, amacici, imisesane, iintsimbi zomqala nezesihlahla. Anikela nangoboya, ilinen, izikhumba zezilwanyana nezinye izinto. Anikela de uMoses wathi: ‘Sekwanele! Phezani ngoku.’

Amadoda namabhinqa amaninzi angamachule ancedisa ekwakheni. UYehova wawapha ubulumko bokwenza imisebenzi eyahlukeneyo. Abanye babesonta, abanye besaluka. Ukanti abanye babesebenza ngamatye, ngegolide okanye ngemithi.

Abantu bawakha umnquba kanye ngendlela uYehova abaxelele ngayo. Benza umkhusane owawusahlula umnquba ube ngamacandelo amabini, iNgcwele neYona Ngcwele. KweYona Ngcwele kwakukho ityeya yesivumelwano, eyayenziwe ngomthi womnga negolide. KwiNgcwele kwakukho isiphatho sesibane segolide, itafile nesibingelelo sesiqhumiso. Kwintendelezo kwakukho isitya sobhedu nesibingelelo esikhulu. Ityeya yesivumelwano yayikhumbuza amaSirayeli ngesithembiso awasenzayo sokuba aza kuthobela uYehova. Uyasazi isivumelwano? Sisithembiso esikhethekileyo.

UYehova wakhetha uAron noonyana bakhe ukuba babe ngababingeleli emnqubeni. Babefanele bawunyamekele baze banikele kuYehova. YayinguAron, umbingeleli omkhulu, kuphela owayevumelekile ukuba angene kweYona Ngcwele. Wayengena kanye ngonyaka ukuze enze umbingelelo wezono zakhe, wezentsapho yakhe nowezono zalo lonke uhlanga lwamaSirayeli.

AmaSirayeli agqiba ukwakha umnquba kwisithuba esingangonyaka emva kokuba emkile eYiputa. Ngoku ayenendawo yokunqula uYehova.

UYehova wazalisa umnquba ngobuqaqawuli bakhe kwaza kwabonakala ilifu phezu kwawo. Xa ilifu liphezu kwawo, amaSirayeli ayehlala kuloo ndawo. Kodwa xa lisuka, ayesazi ukuba kufuneka ahambe. Ayehamba nomnquba alilandele.

“Ngako oko ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo.’”—ISityhilelo 21:3