Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 26

Iintlola Eziyi-12

Iintlola Eziyi-12

AmaSirayeli emka kwiNtaba YeSinayi, anqumla intlambo yaseParan esiya eKadeshe. Apho uYehova wathi kuMoses: ‘Kwisizwe ngasinye kweziyi-12, khupha indoda ibe nye, aze xa ewonke aye kuhlola ilizwe endiza kuninika lona, iKanan.’ UMoses wawakhetha la madoda ayi-12 waza wathi: ‘Hambani niye kuhlola ukuba ukutya kungachuma na eKanan. Nibone ukuba abantu babuthathaka okanye zizigantsontso, nokuba bahlala ezintenteni okanye ezixekweni.’ Ezi ntlola, ekwakukho kuzo uYoshuwa noKalebhi, zaya eKanan.

Emva kweentsuku eziyi-40, iintlola zabuya ziphethe amakhiwane, iirharnati neediliya. Zathi: ‘Umhlaba wona mhle, kodwa abantu zizigantsontso kwaye izixeko zakhona zineendonga eziphakamileyo.’ UKalebhi wathi: ‘Singaboyisa. Masiyeni ngoku!’ Uyazi ukuba kwakutheni ukuze uKalebhi atsho? Kungenxa yokuba yena noYoshuwa babemthembile uYehova. Ezinye iintlola ezilishumi zathi: ‘Asinakuboyisa! Aba bantu ziingxilimbela! Besingathi siziintethe ecaleni kwabo.’

AmaSirayeli ayephoxekile. Ambombozela esithi: ‘Masikhetheni omnye umntu oza kusikhokela, sibuyele eYiputa. Kutheni siza kuya kule ndawo siza kubulawa kuyo?’ UYoshuwa noKalebhi bathi: ‘Musani ukungamthobeli uYehova ibe yekani nokoyika. UYehova uza kusikhusela.’ Kodwa amaSirayeli akazange amamele. Asuka afuna ukubulala uYoshuwa noKalebhi!

Wenza ntoni uYehova? Wathi kuMoses: ‘Emva kwayo yonke into endiwenzele yona amaSirayeli, awandithobeli. Ngoko aza kuhlala iminyaka eyi-40 apha kule ntlango, ade afele kuyo. Kuphela ngabantwana babo, noYoshuwa noKalebhi abaza kuhlala kwilizwe endibathembise lona.’

“Kutheni ninedyudyu nje, nina nilukholo luncinane?”—Mateyu 8:26