Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 27

Bamvukela UYehova

Bamvukela UYehova

Ekuhambeni kwexesha xa amaSirayeli ayesentlango, uKora, uDatan, noAbhiram kunye nabanye abayi-250 bavukela uMoses. Bathi kuye: ‘Sidikiwe yile nto yenu! Kutheni le nto kufuneka sikhokelwe nguwe aze uAron abe ngumbingeleli omkhulu? UYehova akaxhasi wena noAron kuphela, kodwa unathi sonke.’ Zange ayithande loo nto uYehova kuba yayikukudelela!

UMoses wathi kuKora nababekunye naye: ‘Yizani emnqubeni ngomso niphethe izitya zomlilo ezinesiqhumiso. UYehova uza kusibonisa oyena amkhethileyo.’

Kusuku olulandelayo, uKora namadoda ayi-250 baya emnqubeni ukuze badibane noMoses. Batshisa isiqhumiso ngokungathi bangababingeleli. UYehova wathi kuMoses nakuAron: ‘Zahluleni kuKora nabantu bakhe.’

UKora waya kuMoses emnqubeni, kodwa yena uDatan, uAbhiram kunye neentsapho zabo abazange bavume ukuya. UYehova waxelela amaSirayeli ukuba aphume kwiintente zikaKora, uDatan noAbhiram. Aphuma ngokukhawuleza amaSirayeli. UDatan, uAbhiram neentsapho zabo bema ngaphandle. Ngephanyazo umhlaba wavuleka waza wabaginya! Emnqubeni kwehla umlilo waza watshisa uKora namadoda akhe ayi-250.

UYehova wathi kuMoses: ‘Thatha intonga kwinkokeli yesizwe ngasinye uze uyibhale igama layo. Kodwa kwintonga yesizwe sakwaLevi, bhala igama lika-Aron. Zifake emnqubeni, ibe intonga yalowo ndimkhethileyo iza kukhula iintyatyambo.’

Ngosuku olulandelayo, uMoses wakhupha zonke iintonga waza wazibonisa iinkokeli. Eka-Aron yayikhula iintyatyambo, inazo neeamangile ezivuthiweyo. Ngale ndlela, uYehova wayebonisa ukuba ukhethe uAron abe ngumbingeleli omkhulu.

“Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele.”—Hebhere 13:17