Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 28

Idonki KaBhileham Iyathetha

Idonki KaBhileham Iyathetha

AmaSirayeli ayesentlango phantse iminyaka eyi-40. Ayesele ethimbe izixeko eziliqela ezinamandla. Ekubeni ayemise inkampu kumathafa akwaMowabhi kwimpuma yoMlambo IYordan, ngoku kwakulixesha lokuba angene kwiLizwe Lesithembiso. UBhalaki, ukumkani wakwaMowabhi, wayesoyikela ukuba awuthimbe nowakhe umhlaba. Ngoko wabiza indoda egama linguBhileham ukuba ize kuwaqalekisa.

UYehova wathi kuBhileham: ‘Uze ungamqalekisi uSirayeli.’ Ngoko uBhileham akazange avume ukuya. UKumkani uBhalaki wambiza okwesibini waza wathembisa ukumnika nantoni na ayifunayo. Sekunjalo, uBhileham akazange avume. UThixo wathi: ‘Ungahamba, kodwa uze uthethe kuphela oko ndiza kukuxelela kona.’

UBhileham wakhwela idonki yakhe waya ngasempuma kwaMowabhi. Wayefuna ukuqalekisa amaSirayeli nangona uYehova wayemnqandile. Esendleleni, ingelosi kaYehova yabonakala kathathu. Yena uBhileham akazange ayibone, yabonwa yidonki yakhe. Ekuqaleni, idonki yaphuma endleleni, yaya kugudla udonga lwamatye, yaza yaminxisela unyawo lwakhe kolo donga. Ekugqibeleni, yalala endleleni. Ngalo lonke elo xesha uBhileham wayeyihlalele ngentonga.

Emva kokuba idonki iyibone okwesithathu ingelosi, uYehova wayenza yathetha. Yabuza uBhileham: ‘Undibethela ntoni?’ Wathi: ‘Undenza isidenge. Ukuba bendinekrele ngendikubulala.’ Idonki yathi: ‘Ubusoloko ukhwela kum yonke le minyaka. Ndakha ndakwenza le nto?’

UYehova wenza ingelosi yabonakala kuBhileham. Yathi: ‘UYehova uthe ungawaqalekisi amaSirayeli.’ UBhileham wathi: ‘Ndonile. Ndiza kubuyela ekhaya.’ Yathi: ‘Qhubeka usiya kwaMowabhi, ufike uthethe kuphela oko uYehova akuxelele kona.’

Ngaba sikho isifundo awasifundayo uBhileham? Zange afunde nto. Emva koko wazama ukuqalekisa amaSirayeli kathathu, kodwa sihlandlo ngasinye uYehova wayemenza awasikelele. Ekugqibeleni amaSirayeli ahlasela ilizwe lakwaMowabhi aza ambulala uBhileham. Akwaba wayemmamele uYehova!

‘Zilindeni kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.’—Luka 12:15