Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 29

UYehova Wakhetha UYoshuwa

UYehova Wakhetha UYoshuwa

Emva kokuba ekhokele amaSirayeli iminyaka emininzi, uMoses wayesele eza kusweleka. UYehova wathi: ‘Ayinguwe oza kukhokelela amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso. Kodwa ndiza kukubonisa lona.’ UMoses wacela uYehova ukuba akhethe omnye umntu oza kukhokela abantu. UYehova wathi: ‘Yiya kuYoshuwa umxelele ukuba nguye oza kubakhokela.’

UMoses waxelela amaSirayeli ukuba sele eza kusweleka, ngoko uYehova ukhethe uYoshuwa ukuba awakhokelele kwiLizwe Lesithembiso. Wathi kuYoshuwa: ‘Musa ukoyika. UYehova uza kukunceda.’ Emva koko uMoses wanyukela kwincopho yeNtaba INebho, apho uYehova wambonisa ilizwe awalithembisa uAbraham, uIsake noYakobi. Wasweleka eneminyaka eyi-120.

UYehova wathi kuYoshuwa: ‘Wela uMlambo IYordan uye eKanan. Ndiza kukunceda, njengokuba ndamncedayo noMoses. Wena qiniseka ukuba ufunda uMthetho wam yonke imihla. Musa ukoyika. Yiba nesibindi. Hamb’ okwenza oko ndikuyalele ukuba ukwenze.’

UYoshuwa wathumela iintlola ezimbini eYeriko. Kwibali elilandelayo, siza kufunda ngezinto ezenzekayo apho. Xa zibuya, zathi elo lelona xesha lokuya eKanan. Ngosuku olulandelayo, uYoshuwa waxelela amaSirayeli ukuba ancothule iintente zawo. Emva koko wathumela ababingeleli ababephethe ityeya yesivumelwano ukuba bahambe phambili ukuya kuMlambo IYordan. Umlambo wawuzele. Bathi bakufaka iinyawo ababingeleli, amanzi amancinci! Ababingeleli baya kuma phakathi emlanjeni ngoxa uhlanga lunqumla. Ucinga ukuba lo mmangaliso walukhumbuza oko uYehova wakwenzayo kuLwandle Olubomvu?

Ekugqibeleni, amaSirayeli afika kwiLizwe Lesithembiso. Ayenokwakha izindlu needolophu. Ayenokuba namasimi emithi yeziqhamo. Yayililizwe elalinokutya okuninzi okumnandi nezinto eziselwayo kangangokuba kwakusithiwa lilizwe lobisi nobusi.

‘UYehova uya kukukhokela rhoqo aze anelise umphefumlo wakho naselizweni elibharhileyo.’—Isaya 58:11