Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 30

URahabhi Wafihla Iintlola

URahabhi Wafihla Iintlola

Xa iintlola zamaSirayeli zaya kwisixeko saseYeriko, zahlala kwindlu yebhinqa elinguRahabhi. Ukumkani waseYeriko wayiva loo nto waza wathumela amajoni kwindlu yeli bhinqa. Lazifihla eluphahleni lwendlu laza lathi amajoni makaye kuzikhangela kwenye indawo. Lathi kwiintlola: ‘Ndiza kuninceda kuba ndiyazi ukuba uYehova ungakuni ibe niza kusithimba nesi sixeko. Ndicela nindithembise ukuba niza kuyisindisa intsapho yam.’

Ezi ntlola zathi kuRahabhi: ‘Siyakuthembisa ukuba wonke umntu ongaphakathi endlwini yakho akayi kufa.’ Zathi: ‘Ukuze intsapho yakho isinde, bophelela intambo ebomvu efestileni yendlu yakho.’

URahabhi wazihlisa ngentambo efestileni. Zaya kuzimela ezintabeni iintsuku ezintathu ngaphambi kokuba zibuyele kuYoshuwa. Emva koko amaSirayeli anqumla uMlambo IYordan aze alungiselela ukuthatha elo lizwe. Isixeko sokuqala awasoyisayo yiYeriko. UYehova wathi makajikeleze eso sixeko kanye ngemini iintsuku ezintandathu. Ngosuku lwesixhenxe asijikeleza kasixhenxe. Emva koko ababingeleli bavuthela amaxilongo, aza amajoni atsho ngengxolo enkulu. Iindonga zeso sixeko zathi bhuma phantsi! Kodwa yona indlu kaRahabhi, eyayiseludongeni, zange idilike. URahabhi nentsapho yakhe basindiswa kuba wayemthembile uYehova.

‘Ngokufanayo akazange na uRahabhi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi, emva kokuba wabamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abathunywa waza wabakhupha ngandlela yimbi?’—Yakobi 2:25