Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 32

Inkokeli Entsha Namabhinqa Amabini Anesibindi

Inkokeli Entsha Namabhinqa Amabini Anesibindi

Emva kokukhokela abantu bakaYehova iminyaka emininzi, uYoshuwa wasweleka eneminyaka eyi-110. Esaphila, amaSirayeli ayenqula uYehova. Kwathi nje emva kokufa kwakhe, anqula izithixo zamaKanan. Ngenxa yokuba engazange amthobele uYehova, wavumela ukumkani wamaKanan uYabhin ukuba awangcungcuthekise. Acela uncedo kuYehova. Ngoko uYehova wawanika inkokeli entsha, uBharaki. Wayeza kuwanceda abuyele kuYehova.

UDebhora, umprofetikazi wathumela ukuba kubizwe uBharaki. Wayenalo myalezo uvela kuYehova: ‘Thatha amajoni ayi-10 000, niye kudibana nomkhosi kaYabhin kumlambo waseKishon. Aza kumoyisa uSisera, intloko yomkhosi kaYabhin.’ UBharaki wathi kuDebhora: ‘Ukuba uza kuhamba nam ndiza kuya.’ UDebhora wathi: ‘Ndiza kuhamba nawe. Kodwa asinguwe oza kubulala uSisera. UYehova uthe, uza kubulawa libhinqa.’

UDebhora wahamba nomkhosi kaBharaki besiya kwiNtaba YaseTabhore ukuze balungele ukulwa. Akuva ngezi ndaba uSisera, wabizela umkhosi wakhe neenqwelo zokulwa kumlambo ongezantsi. UDebhora wathi kuBharaki: ‘Namhlanje uYehova uza kukunceda woyise.’ UBharaki namajoni akhe ayi-10 000 behla besiya kudibana nomkhosi omkhulu kaSisera.

UYehova wenza umlambo waseKishon wazala. Iinqwelo zokulwa zikaSisera zaxinga eludakeni. USisera wazishiya apho waza wabaleka. UBharaki nomkhosi wakhe bawoyisa umkhosi kaSisera, kodwa yena uSisera wabaleka! Wazimela kwintente yebhinqa elinguYaheli. Lamnika ubisi wasela, lamambathisa ngengubo. Eli joni lalidiniwe labiwa bubuthongo lalala. UYaheli wachwechwa waza wabethelela isikhonkwane sentente entlokweni yalo. Lafa.

UBharaki wafika ekhangela uSisera. UYaheli waphuma ententeni waza wathi: ‘Ngena. Ndiza kukubonisa le ndoda uyifunayo.’ UBharaki wangena waza wabona uSisera ethe natya phantsi efile. UBharaki noDebhora babulela uYehova ngengoma ngenxa yokunceda amaSirayeli oyisa iintshaba zawo. Iminyaka eyi-40 eyalandelayo, kwabakho uxolo kumaSirayeli.

“Abafazi abavakalisa iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.”—INdumiso 68:11