Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 35

UHana Uthandazela Ukuba Nonyana

UHana Uthandazela Ukuba Nonyana

UmSirayeli onguElikana wayenabafazi ababini, uHana noPenina, kodwa oyena wayemthanda kakhulu yayinguHana. UPenina wayesoloko ehlekisa ngoHana kuba wayengenabantwana, ibe yena wayenabantwana abaninzi. Nyaka ngamnye uElikana wayehamba nentsapho yakhe baye kunqula kumnquba owawuseShilo. Ngenye imini belapho, wabona uHana amthandayo ekhedamile. Wathi: ‘Ungakhali Hana. Ndikhona. Ndiyakuthanda.’

Emva koko, uHana waya kuthandaza. Ekhala wacela uYehova ukuba amncede. Wamthembisa esithi: ‘Yehova, ukuba undinika unyana, ndiya kumnikela kuwe ukuze akukhonze ubomi bakhe bonke.’

UMbingeleli Omkhulu, uEli, wabona uHana elila, wacinga ukuba unxilile. UHana wathi: ‘Hayi nkosi yam, andinxilanga. Ndixelela uYehova ngengxaki enkulu endinayo.’ UEli wazisola waza wathi: ‘Akwaba uThixo angakunika into oyicelayo.’ UHana waziva exolile waza wahamba. Ungekapheli nonyaka, waba nonyana, waza wamthiya igama elinguSamuweli. Umele ukuba wavuya nyhani uHana.

UHana akazange ayilibale into awayemthembise yona uYehova. Akukhula uSamuweli, wamsa emnqubeni ukuze akhonze uYehova. Wathi kuEli: ‘Lo ngumntwana endandimthandazela. Ndibolekise ngaye kuYehova ubomi bakhe bonke.’ Nyaka ngamnye uElikana noHana babesiya kumbona, bamphathele idyasi entsha engenamikhono. UYehova wampha abanye oonyana abathathu neentombi ezimbini uHana.

“Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana.”—Mateyu 7:7