Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 42

UYonatan Onesibindi Nongumhlobo Wokwenene

UYonatan Onesibindi Nongumhlobo Wokwenene

UYonatan, izibulo likaKumkani uSawule, wayelijoni elinesibindi. UDavide wathi uYonatan wayekhawuleza kunokhozi yaye enamandla ngaphezu kwengonyama. Ngenye imini, uYonatan wabona amajoni amaFilisti ayi-20 emi endulini. Wathi kumphathi wezixhobo zakhe zokulwa: ‘Siza kuwahlasela kuphela xa uYehova esinike umqondiso. Ukuba athe masinyuke, hay’ ke siza kuwahlasela.’ La majoni akhwaza esithi: ‘Nyukani sizokulwa!’ Ngoko la madoda mabini aya kuwo aza awoyisa.

Ngenxa yokuba wayelizibulo likaSawule, uYonatan wayemele ukuba ngukumkani olandelayo. Kodwa wayesazi ukuba uYehova ukhethe uDavide ukuba abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli; nakuba wayengazukuba ngukumkani, wayengenamona. UYonatan noDavide baba ziitshomi. Bathembisana ukuba baza kukhuselana. Ebonisa indlela abaziitshomi ngayo, uYonatan wanika uDavide ibhatyi yakhe, ikrele kunye nebhanti.

Xa uDavide wayebaleka uSawule, uYonatan waya kuye waza wathi: ‘Yiba nesibindi uze womelele. UYehova ukhethe wena ukuba ube ngukumkani. Notata uyayazi loo nto.’ Ungathanda ukuba netshomi enjengoYonatan?

Kaninzi, uYonatan wabeka ubomi bakhe esichengeni ukuze akhusele itshomi yakhe. Wayesazi ukuba uKumkani uSawule wayefuna ukubulala uDavide, ngoko wathi: ‘Kungasisono kuwe ukubulala uDavide, kuba akenzanga nto.’ USawule waba nomsindo. Kwiminyaka emva koko, uSawule noYonatan bafa kunye emfazweni.

Emva kokufa kukaYonatan, uDavide wakhangela unyana kaYonatan, uMefibhoshete. Xa wamfumanayo, wathi kuye: ‘Ngenxa yokuba utat’ akho ebeyitshomi yam, ndiza kukuthatha uhlale nam ubomi bakho bonke. Uza kuhlala endlini yam size sitye kunye.’ UDavide akazange ayilibale itshomi yakhe uYonatan.

‘Thandanani kanye njengoko ndinithandileyo. Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.’—Yohane 15:12, 13