Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 43

Isono SikaKumkani UDavide

Isono SikaKumkani UDavide

Emva kokufa kukaSawule, uDavide waba ngukumkani. Wayeneminyaka eyi-30. Emva kweminyaka ethile engukumkani, ngobunye ubusuku ephezu kophahla lwendlu yakhe, wabona ibhinqa elihle. Weva ukuba igama lalo nguBhatshebha nokuba litshatele kwijoni elingu-Uriya. Walibizela kwakhe. Walala nalo laza lamitha. UDavide wazama ukuyifihla loo nto. Waxelela umphathi-mkhosi wakhe ukuba abeke u-Uriya phambili emfazweni, aze amanye amajoni abuy’ umva. U-Uriya wabulawa emfazweni waza uDavide watshata noBhatshebha.

UYehova wayezibona zonke ezi zinto zimbi zenzekayo. Wayeza kwenza ntoni? UYehova wathumela umprofeti uNatan kuDavide. UNatan wathi: ‘Enye indoda esisityebi yayineegusha ezininzi, yona ehluphekileyo inegusha enye eyayiyithanda kakhulu. Esi sityebi sathatha igusha yale ndoda ilihlwempu.’ UDavide wacaphuka wathi: ‘Loo ndoda isisityebi imele ife!’ UNatan wathi kuDavide: ‘Nguwe kanye ke loo ndoda!’ Yaba buhlungu intliziyo kaDavide waza wathi: ‘Ndimonile uYehova.’ Isono awasenzayo uDavide sabangela ingxaki enkulu kuye nentsapho yakhe. UYehova wamohlwaya, kodwa wamyeka waphila kuba wayenyanisekile kwaye ethobekile.

UDavide wayefuna ukwakhela uYehova itempile, kodwa uYehova wakhetha unyana kaDavide, uSolomon, ukuba ibe nguye owakha loo tempile. UDavide waqalisa ukulungiselela uSolomon izinto zokwakha waza wathi: ‘Itempile kaYehova imele ibe ntle kakhulu. USolomon usemncinane, kodwa ndiza kumnceda ngokumlungiselela izinto.’ UDavide wanikela ngemali yakhe eninzi kwesi sakhiwo. Wafumana abasebenzi abangamachule. Waqokelela igolide nesilivere, waza wafumana imisedare eTire naseSidon. Xa wayeseza kufa, uDavide wanika uSolomon iphepha elibonisa indlela eyayiza kwakhiwa ngayo itempile. Wathi: ‘UYehova uthe mandikubhalele ezi zinto. UYehova uza kukunceda. Ungoyiki. Qina uze uqalise umsebenzi.’

“Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.”—IMizekeliso 28:13