Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 44

Itempile KaYehova

Itempile KaYehova

Emva kokuba uSolomon enziwe ukumkani wakwaSirayeli, uYehova wambuza: ‘Ufuna ndikunike ntoni?’ USolomon wathi: ‘Ndimncinci, ibe andiyazi le nto ndiyenzayo. Ndicela undiphe ubulumko bokukhokela abantu bakho.’ UYehova wathi: ‘Ngenxa yokuba ucele ubulumko, ndiza kukwenza ube nobulumko ngaphezu kwabo bonke abantu abasemhlabeni. Ndiza kukunika nobutyebi. Ukuba uyandithobela, uza kuphila ubomi obude.’

USolomon waqalisa ukwakha itempile. Wasebenzisa igolide, isilivere, imithi namatye. Kuloo tempile kwakusebenza amadoda namabhinqa amaninzi anobuchule. Emva kweminyaka esixhenxe, itempile yayilungele ukunikezelwa kuYehova. Yayinesibingelelo kunye neminikelo. USolomon waguqa phambi kwesibingelelo waza wathandaza wathi: ‘Owu Yehova, nangona le tempile intle yaye inkulu kangaka ayikufanelanga, kodwa sicela ulwamkele unqulo lwethu uze umamele imithandazo yethu.’ Wayecinga ntoni uYehova ngetempile nomthandazo kaSolomon? Akugqiba ukuthandaza uSolomon, kwehla umlilo uvela esibhakabhakeni waza watshisa iminikelo eyayikwisibingelelo. UYehova wayeyamkela itempile. AmaSirayeli avuya akubona le nto.

UKumkani uSolomon wayesaziwa ngokuba nobulumko kulo lonke elakwaSirayeli nakwezinye iindawo ezikude. Abantu babesiya kuye xa beneengxaki. Nokumkanikazi waseShebha weza kumbuza imibuzo enzima ukuze abone ukuba bungakanani ubulumko bakhe. Xa weva iimpendulo zakhe, wathi: ‘Bendingabakholelwa abantu xa bendixelela ngawe, kodwa ngoku ndizibonele ukuba ulumke ngaphezu kokuba bebesitsho. UYehova, uThixo wakho, ukusikelele.’ Ngelo xesha, ubomi babumnandi kwaSirayeli, abantu bonwabile. Kodwa izinto zazisele ziza kutshintsha.

“Khangelani! okuthile okungaphezu koSolomon kulapha.”—Mateyu 12:42