Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 45

Ubukumkani Bahlulelene

Ubukumkani Bahlulelene

Xa uSolomon wayenqula uYehova, kwakukho uxolo kwaSirayeli. Kodwa uSolomon watshata abafazi abaninzi ababehlala kwamanye amazwe, ibe aba bafazi babenqula izithixo. Kancinci kancinci uSolomon waya etshintsha, naye wanqula izithixo. UYehova wacaphuka. Wathi kuSolomon: ‘USirayeli uya kwahlulelana kabini. Izizwe ezininzi zikaSirayeli ndiya kuzinika abakhonzi bakho, ize intsapho yakho ilawule ezimbalwa.’

UYehova wayicacisa nangenye indlela le nto. Omnye wabakhonzi bakaSolomon, uYerobhoham, wadibana nomprofeti uAhiya endleleni. UAhiya wakrazula ingubo yakhe yangamalaphu ayi-12 waza wathi: ‘UYehova uya kubuhlutha ubukumkani bakwaSirayeli kwintsapho kaSolomon aze abohlule kabini. Thatha amalaphu ayi-10 kuba uya kulawula izizwe ezilishumi.’ UKumkani uSolomon wayiva le nto waza wafuna ukubulala uYerobhoham! UYerobhoham wabalekela eYiputa. Ekuhambeni kwexesha uSolomon wafa, waza unyana wakhe uRehobhoham waba ngukumkani. Ngoko uYerobhoham wabuyela kwaSirayeli.

Abantu abadala bakwaSirayeli bathi kuRehobhoham: ‘Ukuba ubaphatha kakuhle abantu, baya kunyaniseka kuwe.’ Kodwa iitshomi zikaRehobhoham ezincinane njengaye zathi: ‘Kufuneka ube ngqwabalala ebantwini! Basebenzise nzima!’ URehobhoham wathatha icebiso lezi tshomi zakhe. Wabakhohlakalela abantu, baza bamvukela. Benza uYerobhoham wangukumkani wezizwe ezilishumi, ezazisaziwa ngokuba bubukumkani bakwaSirayeli. Ezinye izizwe ezibini zona zazisaziwa ngokuba bubukumkani bakwaYuda, ibe zahlala zinyanisekile kuRehobhoham. Ngoku izizwe eziyi-12 zakwaSirayeli zazahlulelene.

UYerobhoham wayengafuni ukuba abantu baye kunqula eYerusalem, eyayiphantsi kobukumkani bukaRehobhoham. Uyazi kwakutheni? Wayesoyikela ukuba babenokumjikela baze baxhase uRehobhoham. Ngoko wenza amathole egolide amabini waza wathi ebantwini: ‘IYerusalem ikude kakhulu. Ninokunqulela nalapha.’ Abantu banqula amathole egolide baza baphinda bamlibala uYehova.

“Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba bunabudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? . . . Okanye unakwahlulelana kuni na umntu okholwayo nongakholwayo?”—2 Korinte 6:14, 15