Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 47

UYehova Womeleza UEliya

UYehova Womeleza UEliya

UIzebhele wacaphuka kakhulu akuva into eyenzeke kubaprofeti bakaBhahali. Wathumela lo myalezo kuEliya: ‘Ngomso, uza kube ufile njengabaprofeti bakaBhahali.’ UEliya woyika kakhulu waza wabaleka waya entlango. Wathandaza wathi: ‘Yehova, andisakwazi kunyamezela. Kubhetele ndife.’ Ediniwe, wahlala phantsi komthi walala.

Wavuswa yingelosi yaza izolile yathi: ‘Vuka utye.’ Wabona isonka esipheleleyo phezu kwamatye ashushu kunye nejagi yamanzi. Watya, wasela waza waphinda walala. Kwakhona ingelosi yamvusa yathi: ‘Yitya. Indlela oza kuyihamba ifuna ube namandla.’ Ngoko uEliya waphinda watya. Emva koko wahamba iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo, de waya kufika kwiNtaba YeHorebhe. Waya kungena emqolombeni, walala. UYehova wathetha naye wathi: ‘Eliya, ufunani apha?’ Wathi: ‘AmaSirayeli akayenzanga into ebekuthembise yona. Adilize izibingelelo, abulala nabaprofeti bakho. Ngoku afuna ukundibulala nam.’

UYehova wathi kuye: ‘Nyuka uye kuma entabeni.’ Okokuqala, kwadlula umoya ovuthuzayo. Kwalandela inyikima, emva kwayo yangumlilo. Ekugqibeleni, uEliya weva ilizwi eliphantsi nelizolileyo. Wazigquma ubuso ngento awayeyinxibile, waphuma emqolombeni. UYehova wambuza ukuba ubalekele ntoni. Wathi: ‘Sendishiyeke ndodwa.’ UYehova wathi kuye: ‘Awushiyekanga wedwa. Kusekho abantu abayi-7 000 abandinqulayo kwaSirayeli. Hamba uye kumisela uElisha ukuba abe ngumprofeti.’ Ngoko nangoko, uEliya waya kumisela uElisha. Ucinga ukuba uYehova uza kukunceda wena xa usenza into afuna uyenze? Ewe. Makhe sive into eyenzekayo xa kwakukho imbalela.

“Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.”—Filipi 4:6