Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 48

Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni

Unyana Womhlolokazi Uvuka Ekufeni

Xa kwakukho imbalela, uYehova wathi kuEliya: ‘Yiya eTsarefathi. Umhlolokazi oza kudibana naye apho uza kupha ukutya.’ Kwisango laloo dolophu, uEliya wabona umhlolokazi olihlwempu etheza iinkuni. Wacela amanzi. Wathi xa eyomkhelela amanzi, uEliya wathi: ‘Ndicela undiphe neqhekeza lesonka.’ Umhlolokazi wathi: ‘Andinakukupha isonka. Ndinomgubo neoli ezanele ukwenzela mna nonyana wam.’ UEliya wathi: ‘UYehova uthembise ukuba, ukuba ungandenzela isonka, umgubo neoli yakho aziyi kuphela de kuphinde kune imvula.’

Umhlolokazi wagoduka waya kwenzela umprofeti kaYehova isonka. Kwenzeka kanye njengokuba uYehova wayethembisile, umhlolokazi nonyana wakhe zange baphelelwe yinto yokutya ngexesha lembalela. Izitya zomgubo neoli zazisoloko zigcwele qhu.

Kwenzeka into ebuhlungu. Inkwenkwana yomhlolokazi yagula kakhulu, yafa. Wacela uEliya ukuba amncede. UEliya wamthatha waya naye kwigumbi eliphezulu. Wafika wambeka ebhedini waza wathandaza wathi: ‘Yehova, ndicela umvuse lo mntwana ekufeni.’ Uyazi ukuba kutheni yayiza kuba ngummangaliso nje lowo? Kuba, kwakuza kuqala ukuvuswa umntu ofileyo. Ungalibali ke ukuba lo mhlolokazi nonyana wakhe babengengawo namaSirayeli.

Unyana womhlolokazi wavuka ekufeni, waza waphinda waphefumla! UEliya wathi: ‘Uyabona! Unyana wakho uyaphila.’ Wavuya kakhulu waza wathi: ‘Ungumntu kaThixo nyhani. Le nto ndiyitsho kuba uthetha kuphela into uYehova athe yithethe.’

“Phawulani kakuhle ukuba amahlungulu akahlwayeli mbewu yaye akavuni, yaye akanasisele navimba, ukanti uThixo uyawondla. Nixabiseke kangakanani ke nina kuneentaka?”—Luka 12:24