Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 49

Ukumkanikazi Ombi Uyohlwaywa

Ukumkanikazi Ombi Uyohlwaywa

Xa emi ngakwifestile yendlu yakhe eseYizereli, uKumkani uAhabhi wayeyibona kakuhle igadi yendoda egama linguNabhoti. UAhabhi wayeyifuna le gadi, kangangokuba wade wazama ukuyithenga kuNabhoti. Akazange avume ukumthengisela ngenxa yokuba uMthetho kaYehova wawungakuvumeli ukuthengiswa komhlaba olilifa. Ngaba uAhabhi wayibulela into yokuba uNabhoti enze into elungileyo? Hayi, wasuka wanomsindo. Wakhathazeka kangangokuba akazange aphume endlini ibe wayengafuni nokutya.

UKumkanikazi uIzebhele, umfazi okhohlakeleyo ka-Ahabhi, wathi kuye: ‘Ungukumkani wakwaSirayeli. Umele ufumane nantoni na oyifunayo. Ndiza kwenza indlela yokuba uwufumane la mhlaba.’ Wabhalela amadoda amakhulu iileta, ewaxelela ukuba atyhole uNabhoti ngokuthuka uThixo aze ambulale ngamatye. Amadoda amakhulu enza kanye loo nto. UIzebhele wathi kuAhabhi: ‘UNabhoti ufile, igadi yeyakho ngoku.’

UIzebhele wayengaqali ukubulala umntu onyanisekileyo. Wabulala abantu abaninzi ababemthanda uYehova. Wayenqula izithixo, esenza nezinye izinto ezimbi. UYehova wayezibona zonke izinto ezimbi ezazisenziwa ngulo mfazi. Wayeza kwenza ntoni?

Emva kokuba uAhabhi efile, uYehoram unyana wakhe waba ngukumkani. UYehova wathumela uYehu ukuba ohlwaye uIzebhele nentsapho yakhe.

UYehu wakhwela inqwelo waya eYizereli apho wayehlala khona uIzebhele. UYehoram weza kudibana noYehu ekhwele eyakhe inqwelo, waza wathi: ‘Uze ngoxolo?’ UYehu wathi: ‘Luya kubakho njani uxolo umama wakho uIzebhele esaqhubeka esenza izinto ezimbi?’ UYehoram wazama ukujika inqwelo yakhe, ebaleka. UYehu wamdubula ngotolo wafa.

Emva koko uYehu waya endlini kaIzebhele. Xa wevayo ukuba uyeza, uIzebhele wazilungisa ubuso neenwele waza waya kumlinda ngakwifestile ekwigumbi eliphezulu. Xa efika uYehu, wambulisa ngokusa. UYehu wakhwaza izicaka zikaIzebhele esithi: “Mphoseni ezantsi!” Zamphosa ngaphandle kwefestile, waya kuwa ezantsi, wafa.

Emva koko, uYehu wabulala oonyana abayi-70 baka-Ahabhi waza waluphelisa unqulo lukaBhahali. Uyabona ukuba uYehova wazi yonke into, yaye ngexesha elifanelekileyo uyabohlwaya abantu abenza izinto ezimbi?

“Ilifa lifunyanwa ngokubawa ekuqaleni, kodwa ikamva lalo aliyi kusikelelwa.”—IMizekeliso 20:21