Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 50

UYehova Ukhusela UYehoshafati

UYehova Ukhusela UYehoshafati

Ukumkani wakwaYuda uYehoshafati, watshabalalisa izibingelelo zikaBhahali noothixo kulo lonke ilizwe. Wayefuna abantu bayazi imithetho kaYehova. Wathumela iinkosana nabaLevi ukuba bayifundise abantu bakwaYuda.

Iintlanga ezazikufutshane zazisoyika ukulwa noYuda kuba zazisazi ukuba uYehova wayekunye nabantu bakhe. Zazide ziphathele uKumkani uYehoshafati izipho. Sekunjalo amaMowabhi, ama-Amoni, nabanye ababesuka kumhlaba waseSehire beza kulwa namaYuda. UYehoshafati wayesazi ukuba baza kudinga uncedo lukaYehova. Waxelela amadoda, amabhinqa, nabantwana ukuba bonke baye eYerusalem. Emi phambi kwabo bonke wathandaza wathi: ‘Yehova, ngaphandle koncedo lwakho, asinakuphumelela. Nceda, sixelele ukuba senze ntoni.’

UYehova wawuphendula wathi loo mthandazo: ‘Sanukoyika. Ndiza kuninceda. Yimani ngxi, nibone indlela endiza kunikhusela ngayo.’ Wabakhusela njani?

Kwintsasa elandelayo, uYehoshafati wakhetha iimvumi wazixelela ukuba zihambe phambi komkhosi. Zasuka eYerusalem zaya kutsho kwindawo yokulwa eseTekowa.

Njengoko iimvumi zazikhwaza ziculela uYehova ngemincili, uYehova wabalwela abantu bakhe. Wabangela ukuba kubekho isiphithiphithi phakathi kwama-Amoni namaMowabhi. Balwa bodwa ibe akuzange kusinde namnye kubo. Kodwa uYehova wawakhusela amaYuda, amajoni, nababingeleli. Bonke abantu ababekumazwe akufutshane bayiva into ayenzileyo uYehova, yaye babesazi ukuba usabakhusela abantu bakhe. UYehova ubakhusela njani abantu bakhe? Ngeendlela ezininzi. Akadingi kuncedwa ngabantu.

“Akukho mfuneko yakulwa ngesi sihlandlo. Zimiseni, nime ngxi nilubone usindiso lukaYehova ngenxa yenu.”—2 Kronike 20:17