Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 51

Ijoni Nentombazana Encinane

Ijoni Nentombazana Encinane

Kwilizwe laseSiriya, kwakukho intombazanana engumSirayeli eyayihlala kude nekhaya layo. Umkhosi waseSiriya wayithatha kwintsapho yakowayo, yaya kuba sisicakakazi somfazi womphathi wamajoni, uNahaman. Le ntombazanana yayinqula uYehova nangona yayihlala nabantu abangamnquliyo.

UNahaman wayenesifo solusu esasiqaqamba kakhulu. Intombazana encinane yayifuna ukumnceda. Yathi kumfazi kaNahaman: ‘Kukho umntu endimaziyo onokumenza aphile umyeni wakho. KwaSirayeli kukho umprofeti kaYehova onguElisha. Unokumenza aphile umyeni wakho.’

Umfazi kaNahaman waya kuxelela umyeni wakhe. UNahaman wayenokuzama nantoni na eza kumnceda, ngoko waya endlini kaElisha kwaSirayeli. UNahaman wayelindele ukuba uElisha amamkele njengomntu obalulekileyo. Endaweni yokuba uElisha aye kuthetha naye, wathumela isicaka sakhe ukuba siye kumbulisa size sithi: ‘Hamba uye kuhlamba kuMlambo IYordan kasixhenxe. Uza kuphila.’

UNahaman wadana kakhulu. Wathi: ‘Bendicinga ukuba lo mprofeti uza kundiphilisa ngokubiza egameni likaThixo aze awangawangise izandla phezu kwam. Kodwa usuke wandixelela ukuba mandiye kulo mlambo wakwaSirayeli. Sinemilambo ebhetele eSiriya. Kutheni ndingasuki ndiye kuyo?’ Wacaphuka, waphuma kwindlu kaElisha.

Izicaka zikaNahaman zamnceda wacingisisa kakuhle. Zathi: ‘Andithi ungenza nantoni na ukuze uphile? Le nto lo mprofeti athe yenze ilula kakhulu. Kutheni ungavel’ uyenze?’ UNahaman wazimamela. Waya kuMlambo IYordan, wangena kuwo kasixhenxe. Xa ephuma okokugqibela, wayephile qete. Waya kumbulela uElisha. Wathi: ‘Ngoku ndiyazi ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso.’ Ucinga ukuba yaziva njani intombazanana yomSirayeli xa uNahaman ebuya ephilile?

“Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso.”—Mateyu 21:16