Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 52

Umkhosi KaYehova Womlilo

Umkhosi KaYehova Womlilo

Ukumkani waseSiriya, uBhen-hadadi, waqhubeka ehlasela amaSirayeli. Umprofeti uElisha wayesoloko emlumkisa ukumkani wakwaSirayeli ukuze akwazi ukubaleka. UBhen-hadadi wayefuna ukumbamba uElisha. Kodwa wafumanisa ukuba wayekwidolophu yaseDotan, ngoko wathumela umkhosi wamaSiriya ukuba uye kumbamba.

AmaSiriya afika eDotan ebusuku. Ngemini elandelayo, isicaka sikaElisha saphuma phandle saza sabona umkhosi omkhulu ujikeleze idolophu. Soyika kakhulu saza sakhwaza uElisha sisithi: ‘Siza kuthini?’ UElisha waphendula wathi: ‘Baninzi abanathi kunabo bakunye nabo.’ Kanye ngelo xesha, uYehova wasenza eso sicaka sabona umkhosi weenqwelo zomlilo ezintabeni.

Xa amajoni amaSiriya ayezama ukumbamba, uElisha wathandaza esithi: ‘Yehova, ndicela ubenze bangaboni.’ Ngoko nangoko, zange azazi nokuba aphi nakuba ayejongile. UElisha wathi kuwo: ‘Nilahlekile. Ndilandeleni, ndiza kunisa kule ndoda niyifunayo.’ Amlandela ke aya kutsho eSamariya, apho wayehlala khona ukumkani wamaSirayeli.

Ethubeni, amaSiriya aziqonda ukuba aphi. Ukumkani wakwaSirayeli wabuza kuElisha: ‘Ndibabulale?’ Ngaba uElisha wasebenzisa elo thuba ukuze abuyise izitya? Hayi. Wathi: ‘Ungababulali. Banike into yokutya, ubayeke bahambe.’ Ukumkani wabenzela isidlo esikhulu emva koko bagoduka.

“Sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.”—1 Yohane 5:14