Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 53

UYehoyada Waba Nesibindi

UYehoyada Waba Nesibindi

UIzebhele wayenentombi eyayisenza izinto ezimbi njengaye. Igama layo yayinguAtaliya. Yayitshate nokumkani wakwaYuda. Akufa umyeni wayo, kwalawula unyana wayo. Emva kokufa kwaloo nyana, kwalawula yona. Yazama ukubulala yonke inzala yasebukhosini eyayiza kungena ezihlangwini zayo, nkqu nabazukulwana bayo. Yayisoyikwa ngabantu bonke.

UMbingeleli Omkhulu uYehoyada nomfazi wakhe, uYehoshebha, babesazi ukuba le nto yayisenziwa nguAtaliya yayimbi kakhulu. Babeka ubomi babo engozini ngokufihla omnye wabazukulwana baka-Ataliya, uYehowashe. Bamkhulisela etempileni.

Xa uYehowashe wayeneminyaka esixhenxe, uYehoyada waqokelela izikhulu nabaLevi waza wathi: ‘Yimani kumasango etempile, makungabikho mntu ungena kuwo.’ UYehoyada wambeka isithsaba uYehowashe, emenza ukumkani wakwaYuda. Abantu bakwaYuda bakhwaza besithi: ‘Makaphile ukumkani!’

Wathi akuva loo ngxolo uKumkanikazi uAtaliya wabaleka waya etempileni. Akubona loo kumkani mtsha wakhala esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!” Izikhulu zambamba lo kumkanikazi ungendawo zaya kumbulala. Kodwa kwakuza kuthiwani ngempembelelo embi awayeyishiye kumaSirayeli?

UYehoyada wanceda uhlanga lwenza umnqophiso noYehova, lwaza lwamthembisa ukuba luza kunqula yena yedwa. Walwenza lwadiliza itempile kaBhahali lwaza lwaqhekeza izithixo zaziingceba. Wamisela ababingeleli nabaLevi ukuba basebenze etempileni ukuze abantu baphinde banqule kuyo. Kwabakho abantu ababehlala bekumasango aloo tempile ukuze kungangeni mntu ungcolileyo. Emva koko uYehoyada nezikhulu baya kubeka uYehowashe etroneni. Abantu bakwaYuda babevuya kakhulu. Ngoku babeza kukhonza uYehova bekhululekile, engekho uAtaliya ombi nonqulo lukaBhahali. Uyakubona ukuba nesibindi kukaYehoyada ukuba kwabanceda njani abantu abaninzi?

“Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengenako ukubulala umphefumlo; kodwa kunoko yoyikani lowo unako ukutshabalalisa kokubini umphefumlo nomzimba eGehena.”—Mateyu 10:28