Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 55

Ingelosi KaYehova Ikhusela UHezekiya

Ingelosi KaYehova Ikhusela UHezekiya

UBukhosi bama-Asiriya balawula izizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Ngoku ukumkani waseAsiriya uSenaribhe, wayefuna ukulawula nezizwe ezibini zakwaYuda. Wayemana ethatha idolophu nganye kwezakwaYuda. Kodwa eyona dolophu wayeyifuna yayiyiYerusalem. Into awayengayazi kukuba uYehova wayeyikhusela iYerusalem.

UHezekiya, ukumkani wakwaYuda, wabhatala uSenaribhe imali eninzi ukuze angayithathi iYerusalem. Wayithatha yona imali, kodwa zange ayeke ukuthumela umkhosi omkhulu ukuba uye kuyihlasela. Abantu baseYerusalem babesoyika kuba ama-Asiriya ayesiya esondela. UHezekiya wathi kubo: ‘Sanukoyika. Ewe wona ama-Asiriya omelele, kodwa thina, uYehova uza kusenza somelele ngaphezu kwawo.’

USenaribhe wathumela uRabheshake eYerusalem ukuze ahlekise ngabantu balapho. URabheshake wema ngaphandle kwedolophu waza wakhwaza esithi: ‘UYehova soze anincede. Sanukuvumela uHezekiya aniqhathe. Akukho thixo unokunikhusela xa sinihlasela.’

UHezekiya wabuza kuYehova ukuba enze ntoni. Wathi uYehova: ‘Sukoyikiswa zezi zinto zithethwa nguRabheshake. USenaribhe akazuyithatha iYerusalem.’ Emva koko, uHezekiya wafumana iileta ezazivela kuSenaribhe. Zazisithi: ‘Nikezela. UYehova soze anincede.’ UHezekiya wathandaza kuYehova esithi: ‘Yehova, sicela usincede ukuze aba bantu bazi ukuba nguwe wedwa uThixo oyinyaniso.’ UYehova wathi kuye: ‘Ukumkani wase-Asiriya akazukuza eYerusalem. Ndiza kuyikhusela.’

USenaribhe wayeqinisekile ukuba uza kuyithatha kungekudala iYerusalem. Kodwa ngobunye ubusuku, uYehova wathumela ingelosi kwinkampu yamajoni eyayingaphandle kwedolophu. Le ngelosi yabulala amajoni ayi-185 000! UKumkani uSenaribhe wafelwa ngawona majoni akhe anamandla. Kwafuneka anikezele, agoduke. Njengoko wayethembisile, uYehova wamkhusela uHezekiya neYerusalem. Ukuba wawuseYerusalem, ngaba wawuza kumthemba uYehova?

“Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.”—INdumiso 34:7