Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 63

Umbhalo Osedongeni

Umbhalo Osedongeni

Ekuhambeni kwexesha, uBheleshatsare waba ngukumkani waseBhabhiloni. Ngobunye ubusuku, wamema abantu ababalulekileyo belo lizwe. Wathi kwizicaka zakhe mazize nezinto zokusela zegolide ezazithathwe nguNebhukadenetsare kwitempile kaYehova. UBheleshatsare neendwendwe zakhe basela ngezo zinto, badumisa oothixo babo. Kusenjalo, kwabonakala isandla sibhala izinto ezingaqondakaliyo kudonga lwelo gumbi babetyela kulo.

UBheleshatsare wangcangcazela kukoyika. Wabiza abantu bakhe abenza imilingo waza wathi: ‘Ukuba kukho nabani na onokutolika la magama, uza kuba ngomnye wabona bantu babalulekileyo kweli lizwe.’ Bazama, kodwa akukho nomnye kubo owakwaziyo ukuwachaza la magama. Kwangena ukumkanikazi waza wathi: ‘Kukho indoda egama linguDaniyeli, eyayidla ngokutolikela uNebhukadenetsare amaphupha. Ingakucacisela la magama.’

Wangena ke uDaniyeli. UBheleshatsare wathi kuye: ‘Ukuba ungakwazi ukundicacisela la magama, ndiza kukunika intsimbi yomqala yegolide. Uza kuba ngomnye wabona bantu babalulekileyo kweli lizwe.’ UDaniyeli wathi: ‘Andizifuni izipho zakho, kodwa ndiza kukuxelela ukuba athetha ukuthini la magama. Utata wakho uNebhukadenetsare wayephakamile kodwa uYehova wamthoba. Akukho kwanto ungayaziyo eyenzeka kuye, uye awamthobela uYehova ngokusela iwayini ngezinto zokusela zegolide ezithathwe kwitempile yakhe. UThixo ubhale la magama: Mene, Mene, Tekel, nelithi Parsin. Athetha ukuba amaMedi namaPersi aza kuyoyisa iBhabhiloni, yaye uza kuyeka ukuba ngukumkani.’

Kwakubonakala ngathi iBhabhiloni ayinakoyiswa. Yayijikelezwe ludonga oluqinileyo nomlambo onzulu. Kodwa ngobo busuku, amaMedi namaPersi ayihlasela. UKumkani uKoreshi wasePersi wawajika amanzi omlambo aya kwelinye icala ukuze amajoni akwazi ukungena. Xa efika, amasango ayevuliwe! Wangena ke umkhosi wahlasela isixeko, wabulala ukumkani. Emva koko uKoreshi waba ngumlawuli waseBhabhiloni.

Emva konyaka kwenzeke loo nto, uKoreshi wathi: ‘UYehova uthe mandiphinde ndakhe itempile yaseYerusalem. Ukuba kukho nabani na ofuna ukuncedisa wamkelekile.’ Kwenzeka kanye le nto yayithenjiswe nguYehova, amaYuda abuyela eYerusalem emva kweminyaka eyi-70 itshatyalalisiwe. UKoreshi wabuyisela izinto zokusela zegolide nezesilivere nempahla eyayithathwe nguNebhukadenetsare etempileni. Uyayibona indlela uYehova awamsebenzisa ngayo uKoreshi ukuze ancede abantu bakhe?

“Iwile! IBhabhiloni Enkulu iwile, yaba yindawo yokuhlala iidemon.”—ISityhilelo 18:2