Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 69

UGabriyeli Uye Kubona UMariya

UGabriyeli Uye Kubona UMariya

UElizabhete wayezalana noMariya, owayehlala eNazarete eseGalili. UMariya wayeza kutshata noYosefu owayengumchweli. Xa uElizabhete wayeneenyanga ezintandathu ekhulelwe, kwafika ingelosi enguGabriyeli kuMariya. Yathi: ‘Molo Mariya. UYehova ukuthanda kakhulu.’ Wayengazi ukuba uGabriyeli uthetha ngantoni. UGabriyeli wathi: ‘Uza kukhulelwa uze uzale unyana, umele umthiye igama elinguYesu. Uza kuba nguKumkani. UBukumkani bakhe buza kubakho ngonaphakade.’

UMariya wathi: ‘Kodwa zange ndalala nandoda. Ndiza kumfumana njani umntwana?’ UGabriyeli wathi: ‘Ayikho into angenakuyenza uYehova. Uza kufikelwa ngumoya oyingcwele uze ube nonyana. UElizabhete naye ukhulelwe.’ UMariya wathi: ‘Ndisisicakakazi sikaYehova. Mayenzeke yonke into othe iza kwenzeka kum.’

UMariya waya kubona uElizabhete kwidolophu esezintabeni. Xa wabuliswa nguMariya, uElizabhete weva umntwana osesiswini sakhe exhuma. Wazaliswa ngumoya oyingcwele waza wathi: ‘Mariya, uYehova ukusikelele. Ndiyavuya kuba umama weNkosi yam esekhayeni lam.’ UMariya wathi: ‘UYehova ndimbulela ngentliziyo yam yonke.’ Wahlala noElizabhete iinyanga ezintathu waza emva koko wagoduka waya eNazarete.

Xa uYosefu weva ukuba uMariya ukhulelwe, wayengasafuni ukumtshata. Ingelosi yathi kuye ephupheni: ‘Ungoyiki ukutshata naye. Akukho nto ayenzileyo.’ UYosefu wamtshata ke uMariya waza wahlala naye.

“Yonk’ into uYehova ayoliswe kukuyenza uyenzile emazulwini nasemhlabeni.”—INdumiso 135:6