ISIFUNDO 69
UGabriyeli Uye Kubona UMariya
UElizabhete wayezalana noMariya, owayehlala eNazarete eseGalili. UMariya wayeza kutshata noYosefu owayengumchweli. Xa uElizabhete wayeneenyanga ezintandathu ekhulelwe, kwafika ingelosi enguGabriyeli kuMariya. Yathi: ‘Molo Mariya. UYehova ukuthanda kakhulu.’ Wayengazi ukuba uGabriyeli uthetha ngantoni. UGabriyeli wathi: ‘Uza kukhulelwa uze uzale unyana, umele umthiye igama elinguYesu. Uza kuba nguKumkani. UBukumkani bakhe buza kubakho ngonaphakade.’
UMariya wathi: ‘Kodwa zange ndalala nandoda. Ndiza kumfumana njani umntwana?’ UGabriyeli wathi: ‘Ayikho into angenakuyenza uYehova. Uza kufikelwa ngumoya oyingcwele uze ube nonyana. UElizabhete naye ukhulelwe.’ UMariya wathi: ‘Ndisisicakakazi sikaYehova. Mayenzeke yonke into othe iza kwenzeka kum.’
UMariya waya kubona uElizabhete kwidolophu esezintabeni. Xa wabuliswa nguMariya, uElizabhete weva umntwana osesiswini sakhe exhuma. Wazaliswa ngumoya oyingcwele waza wathi: ‘Mariya, uYehova ukusikelele. Ndiyavuya kuba umama weNkosi yam esekhayeni lam.’ UMariya wathi: ‘UYehova ndimbulela ngentliziyo yam yonke.’ Wahlala noElizabhete iinyanga ezintathu waza emva koko wagoduka waya eNazarete.
Xa uYosefu weva ukuba uMariya ukhulelwe, wayengasafuni ukumtshata. Ingelosi yathi kuye ephupheni: ‘Ungoyiki ukutshata naye. Akukho nto ayenzileyo.’ UYosefu wamtshata ke uMariya waza wahlala naye.
“Yonk’ into uYehova ayoliswe kukuyenza uyenzile emazulwini nasemhlabeni.”—INdumiso 135:6