Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 70

Iingelosi Zichaza Ukuzalwa KukaYesu

Iingelosi Zichaza Ukuzalwa KukaYesu

Umlawuli woBukhosi BaseRoma, uKesare Agasto wathi onke amaYuda makaye kubhalisa kwiidolophu azalelwe kuzo. UYosefu noMariya baya eBhetelehem, apho wayezalelwe khona uYosefu. UMariya wayeseza kubeleka.

Ukufika kwabo eBhetelehem, zange bafumane ndawo yokulala, kwafuneka balale esitalini samahashe. UMariya wamzalela apho ke unyana wakhe uYesu. Wamsongela ngamalaphu waza wamlalisa emkhumbini.

NgaseBhetelehem, abelusi babehlala phandle ubusuku bonke, besalusa imfuyo yabo. Bengalindelanga, babona sekumi ingelosi phambi kwabo, bejikelezwe luzuko lukaYehova. Boyika kakhulu, kodwa ingelosi yathi: ‘Sanukoyika. Ndiniphathele iindaba ezimnandi. Namhlanje eBhetelehem kuzelwe uMesiya.’ Kanye ngelo xesha, kwabonakala iingelosi ezininzi ezulwini, zisithi: ‘Uzuko kuThixo ezulwini, uxolo emhlabeni.’ Emva koko zathi shwaka. Bathini abelusi?

Bathi: ‘Masikhawulezeni siye eBhetelehem.’ Bahamba, bafika uYosefu noMariya besesitalini nosana lwabo.

Wonke umntu oweva into ingelosi eyayixelela abelusi wayemangalisiwe. UMariya wacingisisa kakhulu ngamazwi engelosi, akazange awalibale. Abelusi babuyela kwimfuyo yabo, bebulela uYehova ngazo zonke izinto abazibonileyo nabazivileyo.

“Ndilapha nje ndiphuma kuThixo. Andizizelanga ngokwam, kodwa ndithunywe Nguye.”—Yohane 8:42