Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 71

UYehova Wamkhusela UYesu

UYehova Wamkhusela UYesu

Kwilizwe elisempuma kwaSirayeli kwakukho abantu ababekholelwa ukuba iinkwenkwezi zinokubanceda. Ngobunye ubusuku, amanye amadoda alapho abona into engathi yinkwenkwezi ihamba esibhakabhakeni, aza ayilandela. Loo nkwenkwezi yawasa eYerusalem. Abuza ebantwini esithi: ‘Uphi lo mntwana uza kuba ngukumkani wamaYuda? Size kuqubuda kuye.’

Xa uHerode, ukumkani waseYerusalem, weva ngalo kumkani mtsha, waba nexhala. Wabuza ababingeleli abakhulu esithi: ‘Uza kuzalelwa phi lo kumkani?’ Bathi: ‘Abaprofeti bathe uza kuzalelwa eBhetelehem.’ Ngoko uHerode wabiza amadoda aseMpuma waza wathi kuwo: ‘Hambani niye kufuna lo mntwana eBhetelehem, nibuye nindixelele apho akhoyo. Nam ndifuna ukuqubuda kuye.’ Kodwa yayibubuxoki obo.

Inkwenkwezi yaphinda yahamba. La madoda ayilandela isiya eBhetelehem. Yema phezu kwendlu aza la madoda angena kuloo ndlu. Amfumana uYesu ekunye nomama wakhe, uMariya. Aqubuda kulo mntwana aza amnika izipho zegolide, intlaka yokuqhumisa nemore. Ngaba yayinguYehova owayewathume ukuba aye kufuna uYesu? Hayi.

Ngobo busuku, uYehova waxelela uYosefu ephupheni, wathi: ‘UHerode ufuna ukubulala uYesu. Hamba nomfazi nonyana wakho nibalekele eYiputa. Hlalani apho de ndithi buyani.’ Ngoko nangoko, uYosefu nentsapho yakhe baya eYiputa.

UYehova waxelela loo madoda ayethunyiwe ukuba angabuyeli kuHerode. Akubona uHerode ukuba awabuyi, waba nomsindo. Ekubeni wayengamfumani uYesu, wakhupha umyalelo wokuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abalingana noYesu eBhetelehem. UYesu wayekhuselekile kuba wayeseYiputa.

Ngoxa uYesu wayeseYiputa, uHerode wafa. UYehova wathi kuYosefu: ‘Ningabuyela kwaSirayeli ke ngoku.’ UYosefu, uMariya, noYesu babuyela kwaSirayeli, baza bahlala eNazarete.

“Ngoko ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam liya kuba njalo . . . , likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”—Isaya 55:11