Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 75

UMtyholi Ulinga UYesu

UMtyholi Ulinga UYesu

Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, umoya oyingcwele wamthumela entlango. Walamba kuba zange atye iintsuku eziyi-40. UMtyholi waya kumlinga uYesu, wathi: ‘Ukuba nyhani unguNyana kaThixo, jika la matye abe zizonka.’ UYesu wamphendula wathi: ‘IZibhalo zithi umntu akaphili ngokutya kodwa. Kufuneka amamele konke oko kuthethwa nguYehova.’

Waphinda uMtyholi wathi kuYesu: ‘Ukuba nyhani unguNyana kaThixo, yiya phezulu etempileni uze uziphose phantsi. Izibhalo zithi uThixo uza kuthumela iingelosi ukuba zikugange.’ UYesu wamphendula wathi: ‘IZibhalo zithi ungaze umlinge uYehova.’

USathana wabonisa uYesu zonke izikumkani zomhlaba, ubutyebi nozuko lwazo waza wathi: ‘Ndiza kukunika zonke ezi zinto ukuba nje unokuqubuda kum.’ UYesu waphendula wathi: ‘Hamb’ umke, Sathana! Izibhalo zithi kufanele kunqulwe uYehova kuphela.’

UMtyholi wahamba, zaza iingelosi zanika uYesu ukutya. Ukususela ngoko, uYesu washumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Wayethunyelwe apha emhlabeni ukuba enze kanye loo msebenzi. Abantu babezithanda izinto awayezifundisa, bemlandela naphi na apho aya khona.

“Xa [uMtyholi] ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.”—Yohane 8:44