Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 76

UYesu Ucoca Itempile

UYesu Ucoca Itempile

Kwintwasahlobo yonyaka ka-30, uYesu waya eYerusalem. Abantu abaninzi babeyele iPasika kuloo dolophu. Ukuze bonwabele ipasika, enye into ababeyenza yayikukunikela ngezilwanyana etempileni. Abanye abantu babesiya nezilwanyana eYerusalem, ngoxa abanye babezithenga sebefikile.

Xa uYesu wayesetempileni, wabona abantu bethengisa izilwanyana apho. Babezenzela imali kwindlu yokukhonza uYehova! Wenza ntoni uYesu ngale nto? Wenza isabhokhwe ngeentambo waza wakhuphela iigusha neenkomo ngaphandle kwetempile. Wabhukuqa iitafile zabathengisi waza wayichitha phantsi imali yabo. UYesu wathi kwabo babethengisa amahobe: ‘Susani ezi zinto apha! Sanukuyenza indawo yokuthengisa indlu kaTata!’

Into eyenziwa nguYesu yabothusa abantu etempileni. Abafundi bakhe bakhumbula isiprofeto esingoMesiya esithi: ‘Ndiza kuyithanda kakhulu indlu kaYehova.’

Kwakhona, ngonyaka ka-33, uYesu wacoca itempile okwesibini. Wayengasoze avumele nabani na adelele indlu kaYise.

“Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.”—Luka 16:13